1. Njengenxalenye yeprogram yezemfundo, u-Artscape uya kube ebonisa umdlalo weqonga oyincwadi yedrama yesiXhosa yeBakala 12, Nosel’ eyibethile akakayoji obhalwe nguN.T. Gwegwe, kwiHolo iJohnson Ngwevela kwaLanga, ukususela ngowe-19 kuye kowama-29 Meyi 2004.
2. Lo mdlalo uza kuboniswa ngendlela ethandwa kakhulu eyi-Theatre-in-Education style.
3. Intlawulo engengakanani eya kubizwa iya kudibanisa nemali yokukhwela ibhasi.
4. Siya kuyithakazelela kakhulu into yokuba kuvunyelwe abafundi beBakala 12 abafunda njengangoku le ncwadi yedrama emiselweyo ukuba beze kuwubona lo mdlalo weqonga njengoko uya kuba yinzuzo enkulu kubo.
5. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalalelo.
6. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, nceda qhagamshelana noMphathi weProjekthi uMnu Theo Vilakazi kule nombolo yefoni (021) 410 9986 okanye 083 318 9521, okanye kule nombolo yefeksi (021) 410 9980.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:31