1. Izikolo ezifundisa isiXhosa njengoLwimi lwesiThathu zicetyiswa ukuba ziqhubeke ngesilabhasi esetyenziswayo ngoku kude kufikelele ithuba lokuba kufakwe iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke: uLwimi oloNgezelelweyo lwesiBini, eya kuqaliswa kwiBakala 10 ngonyaka we-2006, kuze kubhalwe isiQinisekiso seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo ngo-2008.
2. Abafundi beBakala 10 ngo-2005 baya kuba liqela lokugqibela labafundi ukulandela le silabhasi yesiXhosa njengoLwimi lwesiThathu isetyenziswayo ngoku nabaya kuya nayo kwiBakala 12.
3. Iikopi zeNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yeeLwimi ziya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo ezifundisa amaBakala 10 - 12 ebudeni balo nyaka.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:02