1. Ziyakhunjizwa iintloko zamaziko abhalisa abaviwa beMatriki abangesosigxina (part-time candidates) ukuba aba baviwa mabangaze babhaliselwe naziphi na izifundo ezinecandelo elinomsebenzi wezandla. Oku kuquka zonke izifundo ezenziwa ngezandla kwakunye nezifundo ezinjengezi Home Economics, Computer Studies and Travel and Tourism.
2. Amacandelo anomsebenzi wezandla ezi zifundo kufuneka amodareyithwe ngabacebisi ngezekharityhulam. Ubukhulu bomthwalo womsebenzi waba bacebisi awubavumeli ukuba baye kwenza umsebenzi wokumodareyitha kumaziko angabhaliswanga kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni okanye batyelele amaziko eMfundo yaBadala (ABET centres) ngokuhlwa.
3. Kusabanjwe iingxoxo neSebe leMfundo likaZwelonke zokuba akungebikho ndlela na yokuba zifakwe ezi zifundo zinomsebenzi wezandla kwiikharityhulam zakwa-ABET kwixesha elizayo.
4. Aya kwaziswa amaziko ukuba kuye kwakho indlela yokuba abafundi abangesosigxina benze naziphi na izifundo ezinomsebenzi wezandla.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:10