1. ISebe leMfundo likazwelonke liye lazisa iSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba akusayi kubakho lwamkelo lootitshala kwiSatifikethi sokuQhubeleka ngezeMfundo: KwiMathematika, iiSayensi zeNdalo neThekhinoloji (KwiSigaba esiPhakathi nesiPhakamileyo) (ACE: MST) (Advanced Certificate of Education: Mathematics, Natural Science and Technology (Intermediate and Senior Phase) (ACE: MST) ngowe-2004. Ulwamkelo olulandelayo luya kuba ngoFebruwari 2005. Ootitshala ababesebeqalise nge-ACE: MST ngowe-2003 mabaqhubele phambili kulo nyaka (ngowe-2004) ukuya kunyaka wesibini. Kufuneka bebhalise ngomhla oya kuthi uchazwe yiloo yunivesithi ichaphazelekayo.
2. ISihlomelo A siqulathe uluhlu lootitshala be-EMDC nganye abafumene ulwamkelo lokuqala (provisionally accepted) kwizifundo ze-ACE: kwiMST ngowe-2005/6. Ootitshala abakolu luhlu baya kuthi bacelwe kusetyenziswa imbalelwano eyingcaciso (minute) ebudeni besiqingatha sesibini sonyaka ukuba baqinisekise malunga nomnqweno wabo wokuqalisa ngezifundo zabo ngoFebruwari 2005.
3. Le ngcaciso, eya kuthi ikhutshwe ebudeni bonyaka kwisiqingatha sokugqibela sowe-2004, iya kuthi icele kananjalo abanye ootitshala abamagama abo angekhoyo kwiSihlomelo A, kodwa benqwenela ukuba banikwe ingqwalaselo yolu qeqesho, ukuba benze izicelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:01:15

ISihlomelo A  (ubukhulu: 17 KB)