1. Ukutshintshwa kwamanqaku kusetyenziswa isikali ebeluza kwenziwa ukususela ngo-2003 ukujika iipesenti zamanqaku omculo ase-Unisa nase-Trinity College of London (TCL) ukuba zingqinelane neepesenti zokupasa ezifunekayo kuzo zonke ezinye izifundo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) sanikwa kuMhlathi 4 weSetyhula 0206/2003 ye-WCED.
2. Njengoko kukho iingxaki ezithile eziye zavela kule ndlela yokutshintshwa kwamanqaku ngesi sikali ngethuba loviwo lweMatriki lwango-2003, amanqaku omculo ase-Unisa nase-TCL akazange atshintshwe ukulungiselela olu viwo.
3. IKomiti yamaPhondo yeeMviwo (Interprovincial Examinations Committee (IPEC)) njengangoku iphethe inkqubo yokuvelisa iindlela ezintsha zokufakwa kwamanqaku afunyenwe kubaviwa beMatriki abenza iimviwo zoMculo zoMsebenzi oWenziwayo (Practical Music examinations) zase-Unisa okanye zase-TCL.
4. Zonke izikolo ziya kwaziswa ngokufanelekileyo kwakuba nje kufikelelwe esigqibeni ngalo mbandela kwinqanaba likazwelonke.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:19