1. Njengoko kwakubhengezwe kwiSetyhula 215/2003, zavunywa kunyaka ophelileyo izindululo zokugqibela zomgaqo-nkqubo weNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (NCS). Esi saziso sivele kwiGazethi kaRhulumente 25545, iSaziso 1407 somhla we-6 Oktobha 2003. Sinokufundwa kwiziko lewebhu apha Government Gazette apha http://www.gov.za/gazette/notices/2003/25545.pdf
2. Iikopi zala maxwebhu ziya kufumaneka ngolu hlobo lulandelayo:
2.1 Kuya kubakho ikopi eyazisa ngeFurther Education and Training (FET) NCS enala maxwebhu “Overview”, “Qualifications and Assessment Policy Framework Grades 10 - 12 (General)” kunye namaxwebhu angawodwa ezifundo ezingama-21 aya kunikwa izikolo liSebe leMfundo likazwelonke ngoMatshi 2004. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba utitshala ngamnye we-FET uyawafunda la maxwebhu, “Overview”, “Qualifications and Assessment Policy Framework Grades 10 - 12 (General)” noxwebhu lwesifundo ngalunye, apho kufanelekileyo. Emva koko kufuneka inqununu igcine iseti yamaxwebhu njengamaxwebhu aza kumana efundwa qho ukukhangela izinto ezithile.
2.2 Iikopi eziza kusetyenziswa zeeNCS ziya kuthunyelwa kwisikolo ngasinye ebudeni balo nyaka.
2.3 Iseti epheleleyo yamaxwebhu eNCS iyafumaneka kwiphepha elinge-Further Education and Training (Schools) kweli ziko leWebhu le-WCED Curriculum Development (http://curriculum.wcape.school.za/index) phantsi kwesihloko esithi “Policies, Circulars, Guidelines and Learning Support”.
2.3.1 Njengangoku la maxwebhu afumaneka ngolwimi lwesiNgesi kuphela, kodwa iSebe leMfundo leNtshona Koloni lenza amalungiselelo okuba la maxwebhu aguqulelwe kwiAfrikansi.
3. Kusaqulunqwa la maxwebhu alandelayo:
3.1 Amaxwebhu alishumi elinanye njengangoku asajongisiswayo nahlelwayo aya kuthunyelwe ezikolweni ebudeni balo nyaka.
3.2 Kusaqulunqwa iinguqulelo ezintsha zala maxwebhu ezifundo alandelayo yaye ziza kuba sele zikumaneka ebudeni balo nyaka: esiHindu, esiUrdu, esiThamili, esiTelugu, esiFrentshi, esiArabhu, esiTaliyane, esiJamani, esiPhuthukezi, esiHebhere nesiLatini. Ezi zifundo ziya kufundiswa xa kukho imfuneko yazo.
3.3 Ezi zifundo iThekhinoloji: KwezooMatshini (Mechanical), iThekhinoloji: KwezoMbane nobuNjineli bokuZoba zisalungiswa ukuze zifane nezo zecandelo le-FET yaye amaxwebhu amalunga nazo aya kuthunyelwa ebudeni balo nyaka.
3.4 Kuza kuqaliswa umsebenzi wokuqulunqa iingcaciso ngezifundo zeThekhinoloji: KwiziFundo ngezoLuntu neNkolo (Civil and Religion Studies) ngoMatshi 2004.
4. Seluqhubeka uqeqesho ngolu hlobo lulandelayo:
4.1 Bekufanele ukuba ootitshala bachitha ixesha besebenza nge-CD ROM kwi-WCED OBE Multi-media Package. Silindele ngomdla ukuva ingxelo evela kootitshala neenqununu ngale nkqubo.
4.2 Kwenziwa ngoku uphando olungumhlahla-ndlela (pilot study) malunga nokuqeqeshwa kootitshala beZifundo zoLwazi Banzi ngezoBomi “kwezoPhuhliso loMntu Buqu”.
4.3 Kwenziwa iprogram yoqeqesho kootitshala abangama-400 be-FET ngeeNgcebiso zokuKhetha iKhondo loMsebenzi (Career Guidance).
4.4 Sekwenziwe amalungiselelo eekhosi ze-Advanced Certificate of Education (ACE)) ukulungiselela ootitshala abaya kufundisa ezoLwazi lweMathematika.
5. Ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zazise bonke ootitshala, abafundi, abazali/abagcini babafundi okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Imibuzo malunga nokubhalwe kule setyhula ingabhekiswa kubalawuli nakubacebisi ngezekharityhulam abaziintloko abakwii-EMDC.
7. Xa ufuna ukwazi ngezinto zakutshanje yiya kwiphepha lewebhu leziko lezoPhuhliso lweKharityhulam apha Curriculum Development (http://curriculum.wcape.school.za/index)


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:04