1. Kumelwe njengangoku ukuba izikolo seziyifumene iNgcaciso eMfutshane:DCD/004/2004. Ziyacelwa iinqununu ukuba zikhawuleze zibuyisele iSihlomelo A saloo ngcaciso emfutshane ukuze kukhawulezwe kugqityezelwe inani labathathi-nxaxheba kwindawo nganye yoqeqesho.
2. Uqeqesho luya kuba kwii-EMDC zosixhenxe yaye izikolo zidityaniswe ngokokusebenzisana kwazo kwi-EMDC. Jonga kwiSihlomelo A solu xwebhu malunga neendawo zokuqhubela uqeqesho. Ziyacelwa izikolo ukuba ziye kwezo zikolo zisebenzisana nazo ezabelwe zona.
3. Ngootitshala ababini abamagama abo asele ethunyelwe zizikolo zabo amabaye kuqeqesho.
4. Zonke iikhosi ziya kuqalisa ngo-14:00 ngoLwesihlanu emva kwemini zize ziqhube nangoMgqibelo ukususela ngo-8:00 - 15:00.
5. Ziya kubuyiswa iindleko zohambo. Ootitshala abaneenjongo zokwenza izicelo zebango leendleko zohambo mababe nezi nkcukacha zilandelayo ngomhla wekhosi:
  • inombolo ye-PERSAL

  • umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwa ngawo

  • umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho

6. Bayacelwa ootitshala abasuka kwii-EMDC ezisemaphandleni abafuna indawo yokulala ngokuhlwa ngoLwesihlanu ukuba bazenzele awabo amalungiselelo. Kucetyiswa ukuba basebenzise iindawo ezibonelela ngokuLala neBrakfesi (Bed and Breakfast accommodation). Aba titshala mabawangennise anabango abo endawo yokulala phambi kokugoduka ngenjikalanga yangoMgqibelo.
7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni nababhexeshi beprogram ye-PACE bajonge ngolangazelela ukudibana nootitshala beZifundo zoLwazi Banzi ngezoBomi kwaba masifundisane.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:25

IsiHlomelo A: UKUBEKWA NGOKWAMAQELA KWEZIKOLO UKULUNGISELELA UQEQESHO LWE-PACE KOOTITSHALA BEZIFUNDO ZOLWAZI BANZI NGEZOBOMI  (ubukhulu: 18 KB)