1. UKumkanikazi Silvia waseSwiden uqalise iprojekthi yokufundisa abafundi ngovoto neza kuqhutywa minyaka le ukwenzela ukuphucula ulwazi lwabo lokufunda nokubhala, ukubanceda bakwazi ukuxoxa nabanye abantwana behlabathi, ukufunda ngedemokhrasi nokuphucula izakhono zabo zokuvota ngokuthi bafunde ngabanye abantwana behlabathi, benze izigqibo ngoyena uza kuwina yaye bathathe inxaxheba kwinkqubo yokufundisa ngovoto echaphazela iphepha lovoto okanye ukusetyenziswa kweziko lewebhu elithile.
2. Ziyacelwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwezi zifundo nokuba zikhuthaze abafundi bazo ukuba babe ngabemi abanenkathalo kwiindawo abahlala kuzo, kwilizwe labo nakwihlabathi liphela.
3. Iziphumo zokufunda zezi Nkalo zeZifundo EzoLwazi ngezeNtlalo, EzeeLwimi, ezobuGcisa neNkcubeko, iMathematika noLwazi Banzi ngezoBomi, ingakumbi kwiSigaba esiPhakathi nesaBadala, zenza ezi nkalo zezifundo zibe zezisemxholweni ncam ukuba ziqwalaselwe ngabafundi nokuba baphuhlise ulwazi lwabo ngovoto nedemokhrasi.
4. Amangenelo okhuphiswano makafike ungekadluli owama-31 Matshi 2004. Iqela labagwebi abangabantwana (child jury) elenziwe ngabantwana abavela kwihlabathi liphela liya kwenza isigqibo sokugqibela ngebhaso elo. Umfundi waseMzantsi Afrika, uXola Dubula, osuka eFerndale Primary, Cape Town unyulwe ukuba abe kweli qela labagwebi.
5. Ukwenzela ukuba ube nokubhalisa yaye ufumane ingcaciso engaphezulu, iinqununu maziqhagamshelane nalo Marlene Winberg, uMququqzeleli waseMzantsi Afrika we-World’s Children’s Prize for the Rights of the Child - apha
Ifoni: 021 781 0415
Ifeksi: 021 781 0416
Iselula: 083 392 5153
I-imeyili: childrensworld@childrensworld.org
I-website: The World's children's prize(www.childrensworld.org)


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:02:27