1. Kucelwa nifunde iSetyhula 0079/2002 yowe-7 Agasti 2002.
2. URhulumente wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Provincial Government (PGWC)) ulubona uthintelo nokubhaqwa kwezenzo zobuqhophololo njengento emayithathelwe amanyathelo ngokukhawuleza yaye ngokumalunga noku ubambelele nkqi kumgaqo-nkqubo wokunganyamezeli nanye into esisenzo solwaphulo-mthetho (zero tolerance). Njengoko kunikwa mihla le iingxelo zezenzo ekuthiwa zigwenxa (alleged irregularities), uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni naye ukwaxhobisa esomeleza mpela icandelo loPhando-nzulu ngeZenzo zoBuqhophololo (Forensic Audit component).
3. Isiphumo sezenzo ezininzi ezigwenxa nolwaphulo-mthetho olugabadeleyo ezinjengezi zilandelayo, iba ngamatyala oluleko (disciplinary hearings), nanokukhokelela ekugxothweni kwesaphuli-mthetho:
3.1 Ukusetyenziswa gwenxa
  • kwepropathi karhulumente

  • kwezithuthi zikarhulumente

  • kwezixhobo zethekhinoloji zikarhulumente, umzekelo, iikhompyutha, iilephutophu neeprinta

3.2 Ukutshintshwa ngenkohliso (falsification) kwamaxwebhu entsusa kunye nezinye iirekhodi, umzekelo, izatifikethi zokugula, izatifikethi zemfundo namanye amaxwebhu anxulumene nala
3.3 Ukwehliswa kwemali ngomlenze
3.4 Intswela-nkathalo egabadeleyo
3.5 Izenzo ezingagunyaziswanga
  • zokuthathwa okanye zokubiwa kwepropathi/kwezixhobo zikarhulumente

  • zokusetyenziswa kweefoni/kweeselula/koomatshini bokufeksa

3.6 Ubusela, ukunyoba nobuqhophololo
3.7 Ukonakalisa ngabom ipropathi/izixhobo zikarhulumente
4. Makuqale kunikwe ingqwalasela oku kulandelayo phambi kokuxelwa kwesenzo:
4.1 Ukubiwa kwekheshi/kwemali
  • Ghaza imihla, izixa, nokuphinda-phinda kokwenzeka kweziganeko ezo

  • Umntu orhanelwayo (abantu abarhanelwayo)

  • Indawo ubusela obenzeke kuyo

  • Indawo ekuyo imali/ebigcinwe kuyo

  • Ubungqina benkcitho yemali

4.2 Ubuqhetseba/Inkohliso
  • Ubungqina obubhaliweyo okanye ubungqina bamaxwebhu abhalwe ngenkohliso

  • Indawo obuqhubeka/obuqhubeke kuyo ubuqhetseba

  • Igama lomntu (amagama abantu)

  • Igama (amagama) elisetyenziswa kwezonaniselwano

  • Indawo (iindawo) ekuqhubekela kuyo imisebenzi yobuqhetseba

  • Umntu othengisa (abantu abathengisa) iimpahla/izinto

  • Umntu othenga (abantu abathengisa) iimpahla/izinto

  • Ixabiso ngokwemali, ukuba kunokwenzeka oko

4.3 Ubuqhophololo
  • Igama legosa (amagama amagosa) elifumana ikhomishoni

  • Igama lomntu onika (amagama abantu abanika) ikhomishini ngomsebenzi/ngeethenda ngokuchasene nomthetho

  • Ubungqina bolo naniselwana, imihla, njl. njl.

  • Ixabiso ngokwemali, ukuba kunokwenzeka oko

5. Ngumsebenzi noxanduva lommi ngamnye ukuba ahlale ethe qwa elumkele izenzo zobuqhophololo/zobuqhetseba nezolwaphulo-mthetho olugabadeleyo kunye nokuchaza naziphi na izenzo ekuthiwa zenziwe ezilolu hlobo komnye waba balandelayo:
5.1 Directorate: Forensic Audit: Ifoni yamahala evuleleke iiyure eziyi-24 yokuxela
izenzo zobuqhetseba (toll free fraudline: 080 122 6545)
Ifoni 021 480 2080
Ifeksi 021 480 2096
5.2 Public Protector:
PO Box. 712
CAPE TOWN 
8000
5.3 Auditor General:
PO Box. 96
BELLVILLE
7535
6. Uyacelwa ukuba uqinisekise ngokuthi le ngcaciso imfutshane ixhonywa kuzo zonke iibhodi zezaziso kuwo onke aMaziko oLawulo noPhuhliso lweMfundo nakuMaziko eMfundo.


ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:24