1. NgokweSiqendu 43 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996) njengoko ufakelwe izilungiso (SASA) nangokweSiqendu 24 soMthetho weMfundo noQeqesho lwaBadala, 2000 (uMthetho 52/2000) (ABET) ngokulandelelanayo, izikolo zikarhulumente, namaziko emfundo yabadala kufuneka zingenise iingxelo-mali eziphicothiweyo kweli Sebe leMfundo ungadlulanga owama-30 Juni kunyaka ngamnye.
2. Ukwenzela ukuqinisekisa ngolawulo olululo nokwenza iSebe leMfundo leNtshona Koloni ligcine irekhodi epheleleyo yabantu abanokuqeshwa njengabaphicothi-zincwadi ngala maziko emfundo, ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bazalise iinkcukacha kwifom yesaveyi eqhotyoshelweyo bayithumele ungadlulanga owe-13 Septemba 2004 kulo
Head: Education 
(For attention Director: Budget Management)
Western Cape Education Department 
Private Bag  X9114
CAPE TOWN
8000				
(Inombolo yefeksi:  021 467 2594)
3. Ngalinye iziko lemfundo maliqinisekise ukuba ngaba umphicothi-zincwadi ubhalisile na kwimibutho yabaqeqeshelwe ukuphicotha iincwadi okhankanywe kwifom yesaveyi, emalungu yawo athathwa yi- SASA ngokuba ngabaphicothi-zincwadi ababhalisiweyo.
4. Amaziko asebenzisa abaphicothi-zincwadi ababhalisiweyo makazalise kuphela icandelo A lale fom. Amaziko asebenzisa abaphicothi-zincwadi abangabhaliswanga, o.k.t. abantu abasetyenziswa njengabaphicothi-zincwadi kodwa bengabhaliswanga kule mibutho yabaqeqeshelwe ukuphicotha iincwadi ekhankanywe kumhlathi 3, makazalise kuphela icandelo B lefom.


ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:30

Survey form  (ubukhulu: 34 KB)