1. NgokoMhlathi 6.7 weSetyhula 138/2003, onke amaziko emfundo makangenise ingxelo yekota yeNgeniso neNkcitho (WCED 043) kwii-EMDC zawo ezichaphazelekayo qho ngekota nganye ukususela kowoku-1 Januwari 2004.
2. Ukwenzela ukuba kungqinelwane nemigqaliselo yomMiselo kaNondyebo kaRhulumente (Treasury Regulation) 8.4 wemiMiselo eyapapashwa ngokoMthetho weMali kaRhulumente, 1999 (uMthetho 1/1999), (Public Finance Management Act 1999, (Act 1/1999)), iigranti neemali zentlawulo ezinikwa izikolo mazisetyenziselwe kuphela qwaba injongo ezazikhutshelwa yona kwasekuqaleni. Le fom iqhotyoshelweyo, elungiselelwe ukuqinisekisa ukuba ngokwenene kuyenzeka oku, mayizaliswe liSekela Mlawuli lezoLawulo (Deputy Director: Administration) le-EMDC echaphazelekayo. Ifom ezaliswe zonke iinkcukacha ngokupheleleyo mayingeniswe kuMlawuli woLawulo lweBhajethi (Director Budget Management) kwaNdlunkulu, ukuba ithathelwe ingqalelo nguNks MB van Eeden.
3. Kwixesha elizayo zonke iimali zentlawulo ezikhutshwa ngokweMigaqo neMigangatho yoLwabiwo lweMali yeZikolo ziya kwenziwa kuphela emva kokuba kufunyenwe imvume yeSekela Mlawuli lezoLawulo (Deputy Director: Administration) le-EMDC kwifom emiselweyo.
4. Iya kuvuyelwa kakhulu intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:21

Transfer Payments to Education Institutions  (ubukhulu: 64 KB)