1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lijongene nenani eliphezulu eliye lisanda lemibuzo emalunga nezicelo zokwamkelwa kwabafundi ezazingeniswe ezikolweni yaye oku kubangela uxinizelelo olungeyomfuneko kwisistim.
2. Le setyhula yazisa izikolo ngokuqaliswa kwenkqubo eyifankshini yekhompyutha ukuncedisa abazali ekulandeleleni izicelo zabo zokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente.
3. Le fankshini iya kuvumela umzali okanye umgcini womfundi atshekishe ngokungena kwiziko lewebhu leSebe iWCED ukuba sifakiwe na isicelo esasingenisiwe esikolweni kwi-School Admissions Management Information (SAMI) system.
4. Kwangoko sakuba sifakiwe isicelo kwisistim, i-imeyili ezenzekelayo (automated email) iya kubazisa abazali ukuba isicelo sele sifakiwe kwisistim sisikolo, ngokuxhomekeke ekubeni umzali unike idilesi ye-imeyili esemthethweni.
5. Abazali baya kubanako ukutshekisha KUPHELA besebenzisa inombolo yesazisi somfundi (learner’s identity (ID)) okanye inombolo yeCEMIS eyi-unique CEMIS number.
6. Ukusebenzisa le fankshini, yiya ku-: https://wcedonline.westerncape.gov.za/ uze uklikhe ku-"School Enrolment FAQs".

Emva koko uklikha ku-"How can I check the status of my child’s admission application?".
Faka inombolo ye-ID yomfundi okanye inombolo yeCEMIS, uze uklikhe ku-"submit"

7. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba ZONKE izicelo zokwamkelwa kwabafundi ezikolweni mazifakwe kwisistim ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukusetyenziswa kwenkqubo yezolawulo enobulungisa engqinelana noMthetho Promotion of Administrative Justice Act (PAJA), 2000 (Act 3 of 2000).
8. Kucelwa kuqatshelwe ukuba oku kubandakanya nezicelo ezifunyenwe emva komhla omisiweyo njengoko oko kuya kunceda abazali ekubeni bafumane igama neenkcukacha zomfundi okwilisti yeSebe iWCED yabafundi abangekafakwa zindaweni abakwisistim i-SAMI system.
9. Ziyakhunjuzwa izikolo ziwalandele mbo amaxesha amisiweyo, iinkqubo nemigaqo yokwamkelwa kwabafundi ezikolweni njengoko kumiselwe kwiSetyhula 0035/2017, yomhla we-13 Septemba 2017.
10. Abazali/abagcini babafundi baya kubanako ukuyijonga imeko yesicelo sabo yaye ke ngoko kubalulekile kakhulu ukuba izikolo zisoloko ziyihlaziya imeko yezicelo.
11. Ziyacelwa iinqununu zezikolo zazise ngokuqulethwe yile setyhula kubo bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:01:30

"Promotion of Administrative Justice Act (PAJA), 2000 (Act 3 of 2000)"  (ubukhulu: 161 KB)