1. Apha kuqhotyoshelwe uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) ngo-2017.
2. Iisetyhula zeSebe iWCED zithunyelwa nge-imeyili. Ukuba ezi setyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, iikopi zazo ezingamaphepha zenziwa ukuba zifumaneke.
3. Mazitshekishwe qho ii-imeyili zizikolo, ngamaziko nangamagosa, njengoko ezi setyhula zibalulekile ekusebenzeni ngokukuko kweSebe iWCED.
4. Izikolo namagosa zimele ukwenza iifolda zekhompyutha kwiikhompyutha zazo ukugcina ezi setyhula njengoko kufuneka zigcinwe kwiirekhodi ngalo lonke eli xesha zisasebenza ngokusemthethweni.
5. Iisetyhula ezakhutshwa ukususela ekuqaleni kuka-2003 kwakhona ziyafumaneka kwikhasi lewebhu leSebe iWCED http://wced.school.za/circulars/index-circmins.html
6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:02:02

ISEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI IISETYHULA ZE-WCED EZIKHUTSHWE NGONYAKA KA-2017  (ubukhulu: 79 KB)