1. Apha kuqhotyoshelwe ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeemviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) zangoMeyi–Juni 2018.

2. Iimviwo zicwangciselwe ukuqalisa ngowe-22 Meyi 2018 zize zigqitywe ngowe-29 Juni 2018.

3. Kucwangciswe iiseshoni zoviwo ezimbini ngosuku ngalunye. Iseshoni yakusasa iya kuqala ngo-09:00 yaye eyasemva kwemini iya kuqala ngo-14:00.

4. Amaziko okubhalela iimviwo zeSC aya kusekwa kwiindawo ezimiselwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).

5. Ngokumalunga nokwamkelwa kwabaviwa bangene kwigumbi lokubhalela uviwo, abagadi babaviwa mabaqinisekise ukuba umviwa ngamnye uveza ileta yokwamkelwa eluviweni (admission letter) yakhe kunye nesazisi/nekhadi elisisazisi (identity document/card). Abagadi babaviwa mabayenze ibe sisinyanzelo esingqongqo le mfuno imiselweyo yokuvunyelwa ukubhala uviwo. Nakuba kunjalo, umviwa ongaphumeleliyo ukuveza uxwebhu (amaxwebhu) oluyimfuneko phambi kokungena kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo makangathintelwa ekulubhaleni olo viwo luthile. Umviwa ochaphazelekayo makaveze uxwebhu (amaxwebhu) oluyimfuneko ngosuku olulandelayo. Ukuba umviwa akaphumeleli ukwenza oko, masixelwe ngoko ke isitenxo eso yaye makulandelwe inkqubo eqhelekileyo ebhekiselele kwizitenxo.

6. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela iimviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yeemviwo. Eli xesha liya kusetyenziselwa oku kulandelayo:
6.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo zabo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo neencwadi zeempendulo nokufundela abaviwa imigaqo yoviwo.
6.2 Ngethuba eliseleyo eliyimizuzu elishumi, abaviwa mabanikwe ithuba lokulifunda lonke iphepha lemibuzo.
6.3 Akuvumelekanga ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi nanini ngeli thuba lemizuzu eyi-35. Ukophulwa kwalo mgaqo kuya kuthathwa njengesitenxo.
6.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngelo xesha lichazwe kwithayimthebhile yoviwo.

7. Abameli abavela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), ku-Umalusi nakwiSebe leMfundo esisiSeko, baya kuzibeka esweni iinkqubo zeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo.

8. Niyacelwa nazise okukule setyhula bonke abaviwa abanenjongo yokubhala iimviwo zeSC zangoMeyi–Juni 2018.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:01:25

"Senior Certificate Examination Timetable 2018 May - June (Final)"  (ubukhulu: 86 KB)