1. Apha kuqhotyoshelwe ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zango-Oktobha–Novemba 2018.
2. Iimviwo zicwangcisele ukuqalisa ngowe-22 Oktobha 2018 zize zigqitywe ngowe-28 Novemba 2018. Iimviwo zepraktikhali zephepha i-Computer Applications Technology (CAT) Paper 1 neze-Information Technology (IT) Paper 1, ziya kubhalwa ngowe-15 nowe-16 Oktobha 2018 ngokulandelelanayo.
3. Kucwangciselwe iiseshoni zoviwo ezimbini ngosuku ngalunye. Iseshoni yakusasa iya kuqala ngo-09:00 yaye eyasemva kwemini iya kuqala ngo-14:00.
4. Iiklasi eziqhelekileyo maziqhubeke de kube ngowe-12 Oktobha 2018, ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ukufundiswa kuqhubeka kangangoko kunokwenzeka. Iinqununu zezikolo zinokukhetha ukuba zibavumele abafundi beBakala 12 bango-2018 ukuba bafundele ekhaya ukususela kwi-15 Oktobha 2018 ukwenzela ukuba balungiselele iimviwo zeNSC.
5. Iinqununu mazazise bonke abaviwa ababhala iimviwo zeNSC ukuba mabanxibe iyunifom yesikolo yabo xa babhala uviwo ngalunye nokuba mabafumaneke de kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo (12 Disemba 2018) ukulungiselela xa kunokwenzeka ukuba kube yimfuneko nangasiphi na isizathu ukuba kumiselwe elinye ixesha ukubhalwa kwephepha loviwo elithile.
6. Niyacelwa nazise okukule setyhula bonke abaviwa abanenjongo yokubhala iimviwo zeNSC zango-Oktobha –Novemba 2018.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:01:25

"National Senior Certificate (NSC) Examination Timetable October - November 2018 (Final)"  (ubukhulu: 79 KB)