1. UMphathiswa weMfundo esiSiseko kuZwelonke wakhupha imimiselo yokuhlawulwa kwembuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo kwizikolo ezihlawulisa iifizi ezikumanqanaba 4 no-5 entlupheko kazwelonke kwiGazethi kaRhulumente 33971, yowe-28 Januwari 2011.

2. Imbuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo iya kusoloko iyeyonyaka wesikolo ongaphambili, umz. imbuyiselo ehlawulwa ngo-2018 yeyoxolelo ekuhlawuleni iifizi olwavunywa kunyaka wesikolo ka-2017.

3. Ezi meko zoxolelo kwintlawulo yeefizi zesikolo zilandelayo ziya kufaneleka kwizicelo zamabango asemthethweni:
3.1 Umfundi osele exolelwe kuba eyinkedama okanye elahlwe tyaa (abandoned) ngabazali bakhe.
3.2 Umfundi ohlawulelwa isibonelelo segranti karhulumente yezentlalo enxulumene nokuthwaxwa yintlupheko (poverty-linked state social grant).
3.3 Umfundi obazali bakhe babenze isicelo sokuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo, nesavunywa libhunga lolawulo (makuqatshelwe ukuba isicelo nemizuzu yentlanganiso yebhunga lolawulo mazibe nokufumaneka esikolweni ngeenjongo zophicotho-ncwadi zesikolo).

4. Amaxesha asikiweyo

Izikolo mazenze izicelo zentlawulo eyimbuyiselo zokuxolelwa ungadlulanga owe-29 Juni 2018. Makube kugqityiwe ukusingathwa kwawo onke amabango kwiCEMIS ngokwenkqubo ecaciswe kule setyhula ungadlulanga owe-31 Meyi 2018, ukunika ixesha elaneleyo lenkqubo yokuphicothwa kweencwadi ekhankanywe apha ngezantsi kumhlathi 6. Izicelo ezingeniswe emva kwexesha elisikiweyo aziyi kwamkeleka. Isicelo ngasinye siya kuya kungqinisiswa yi-ofisi yesithili size singeniswe kwaNdlunkulu ukuze kwenziwe intlawulo. Iintlawulo ke ngoko ziya kwenziwa kwizikolo ezifanelekileyo phambi okanye ngowe-15 Novemba qho ngonyaka.

Imihla yenkqubo ka-2018 (izicelo ezivunyiweyo zamabango okuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo ngo-2017):
Umhla Omakwenziwe
03 Apreli 2018 Ukuvulwa kwe-CEMIS ukwenzela ukufaka idatha
31 Meyi 2018 Umhla wokugqibela wokufakwa kwedatha yezikolo
29 Juni 2018 Izikolo zingenisa ingcaciso ephicothiweyo kumphathi wesekethe ochaphazelekayo kwi-ofisi yesithili yaye kuvalwa ne-CEMIS kuzo zonke izikolo
31 Agasti 2018 Ii-ofisi zezithili zigqibezela inkqubo yokungqinisisa zize zisayine izicelo kwi-EduInfoSearch
28 Septemba 2018 ISebe i-WCED lazisa izikolo ngezixa eziza kuhlawulwa
15 Novemba 2018 ISebe i-WCED lihlawula izixa kwizikolo ezifanelekileyo


5. Inkqubo

Zonke izicelo mazingeniswe kusetyenziswa i-CEMIS.

Eyona ngcaciso ingumlinganiselo osezantsi ifunekayo kwisicelo iya kuba ligama lesikolo, inombolo ye-EMIS, idilesi yestrato yesikolo, esele zifakiwe kwikhompyutha kwangaphambili yaye ingcaciso emayinikwe sisikolo, ligama neenkcukacha zoqhagamshelwano zomntu obezalisa ifom, inani lilonke labafundi ababhalise esikolweni, ilisti yabafundi abaxolelweyo ekuhlawuleni iifizi zesikolo kunyaka ongaphambili nenombolo eyi-ID yomfundi (CEMIS number) yomfundi ngamnye kwaba.

Le nkqubo imi ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ngena (log on) kwi-CEMIS,
  • Khetha u- "Ordinary Public".
  • Khetha isikolo.
  • Klikha ku-"Proceed" emva koko udlule ngaphezulu kwe-ayithem yemenyu u- "Administration" uze uklikhe ku-"School fee exemption" wandule ukuklikha ku- "Capture Screen".
  • Khetha umfundi uze uzalise i-% yoxolelo enikiweyo (yabafundi ekwenziwa ibango ngabo). Ithuba eliya kuqhubeka ngalo ubhaliso (enrolment period) liya kube sele lifakiwe ngokuzenzekelayo ekhompyutheni (automatically populated). Zalisa uze uprinte isicelo sebango. Ngenisa isicelo sebango kubantu abachaphazelekayo ukuze sisayinwe, o.k.t. usihlalo wekomiti yezemali, inqununu nosihlalo webhunga lolawulo.
  • Masingeniswe kumphicothi-zincwadi kwakunye namaxwebhu axhasayo ukwenzela uphicotho-zincwadi. Funda umhlathi 6 wale setyhula.
  • Emva kophicotho-zincwadi, makungeniswe iprintawuthi (yesicelo sebango) kwi-ofisi yesithili esichaphazelekayo, ukuze singqinisiswe. Iikopi ezisayinelweyo mazigcinwe ukwenzela iinjongo zophicotho-zincwadi sisikolo nayi-ofisi yesithili echaphazelekayo. Onke amaxwebhu axhasayo makagcinwe esikolweni. Uyacelwa ungathumeli nawaphi na amaxwebhu kwaNdlunkulu.
  • Sisakuba singqinisisiwe isicelo sebango, abaphathi beesekethe mabaprinte isicelo sebango elingqinisisiweyo ku-EduInfoSearch. Ezi rekhodi ziya kugcinwa kwi-ofisi yesithili ukwenzela imibuzo esuka kwaNdlunkulu.
6. Uphicotho-zincwadi

IsiHlomelo B seGazethi kaRhulumente sibandakanya isikhokelo somphicothi-zincwadi. La maxwebhu alandelayo makangeniswe kumphicothi-zincwadi:

  • Isabelo-mali sesebe sokugqibela semimiselo nemigangatho sonyaka ochaphazelekayo.
  • Iingxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka ochaphazelekayo.
  • Iirejista zokuhamba isikolo kwabafundi zonyaka ochaphazelekayo.
  • Uphando oluquphayo (snap survey) lonyaka ochaphazelekayo.
  • Iifom zokuxolelwa kwintlawulo yeefizi namaxwebhu okuxhasa isicelo somfundi ngamnye oxolelweyo (kubandakanywa ubungqina bedatha yabo bathathele abafundi kubo njengabazali (forster care) nesibonelelo segranti sezentlalo apho kuchaphazelekayo oko).
  • Amaxwebhu avuma ukuxolelwa komfundi ngamnye oxolelweyo.

Umphicothi-zincwadi makasebenzise la maxwebhu ukungqinisisa ukuchaneka kwengcaciso enikiweyo.

Apho amaxwebhu axhasayo ekho kwifomathi yekhompyutha kuphela (electronic format), umphicothi-zincwadi makenze isicelo sokuba afikelele kuloo ngcaciso.

Umphicothi-zincwadi makalizalise alisayine icandelo elifanelekileyo kwifom yokwenza isicelo.

Mayibhalwe phantsi yonke ingcaciso engangqinelaniyo kwakunye nemigaqo engachanekanga ngethuba lenkqubo yophicotho-zincwadi. Lonke ufakelo lwezilungiso oluyimfuneko malwenziwe ngumphathi wesekethe ngethuba lenkqubo yokungqinisisa.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) aliyi kusamkela isicelo esingasayinwanga ngumphicothi-zincwadi okanye umphicothi-zincwadi athe wanombuzo ngokungqinisiseka kwaso (validity).

Izicelo maziphicothwe njengenxalenye yophicotho-zincwadi olwenziwa qho ngonyaka lwesikolo ngasinye.

Ifom yesicelo ephicothiweyo mayingeniswe kumphathi wesekethe kwi-ofisi yesithili semfundo.

Yonke ingcaciso efunyenweyo iya kulandela inkqubo yokungqinisiswa liSebe iWCED. Ukuba kukho nayiphi na ingcaciso efunyaniswe inenkohliso (fraudulent), isikolo esifaka isicelo siya kohlwaywa, nto leyo enokubandakanya inyathelo loluleko ngakuloo nqununu ibingqinisisa ingcaciso kunye/okanye ukubuyiswa kwayo nayiphi na intlawulo eyenziweyo. Ukungeniswa kwesicelo emva kwexesha elisikiweyo (o.k.t. emva kwe-29 Juni 2018), ingcaciso engaphelelanga, ingcaciso etshintshiweyo (altered information), ingcaciso engachanekanga nengcaciso engeniswe ngefomathi engachanekanga, iya kusenza eso sicelo sibe sesingekho mthethweni (invalid). Makungeniswe ifom yentsusa (original) ezaliswe ngokupheleyo, (ingabi yikopi yayo). Kucelwa uqaphele ukuba iSebe iWCED liya kwamkela kuphela iifom zezicelo ekubonelelwe ngazo yiCEMIS.


7. Ukubala

Isakuba igqityiwe inkqubo yokungqinisisa, iSebe iWCED liya kuqinisekisa malunga nexabiso elipheleleyo lezicelo zamabango ezipheleleyo, emva koko izikolo zaziswe ukuba ngaba zizifanele na ezo zixa-mali zentlawulo ziya kuzifumana.

Isixa-mali isikolo esiya kusifumana ngomfundi ngamnye, siya kubalwa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ithuba (inani leentsuku ababhaliswe ngazo enyakeni).
  • Ipesenti yokuxolelwa.
  • Isabelo-mali semimiselo nemigangatho ngomfundi ngamnye.
  • Umyinge obekiweyo kwizikolo ezingahlawulisi zifizi (R1 243 ngo-2017).

Imizekelo yokubalwa kwezixa-mali:
Inombolo ye-ID yomfundi Iintsuku zobhaliso zabafundi Ipesenti yoxolelo Isabelo-mali se-N&S Ukubalwa kwezixa-mali ngo-2017
1 200 100% 623 200/200 x 100% x (1 243 – 623) = 620
2 100 50% 623 100/200 x 50% x (1 243 – 623) = 155
3 150 50% 623 150/200 x 50% x (1243 – 623) = 233

ISebe i-WCED liya kuba nako ukubala ukuba ngaba i-100% yebango lesikolo kuphela enokuhlawulwa kwakuba kufunyenwe zonke izicelo zamabango kwaza kwabalwa nesixa-mali xa sisonke. Esi sixa-mali sisonke siya kuthelekiswa nebhajethi yonyaka iyonke kolu ngenelelo ngoncedo. Iimali ziya kuhlawulwa kwizikolo ezifanelekileyo phambi okanye ngowe-15 Novemba ngonyaka lowo kwenziwe ngawo isicelo.


8. Kucelwa uqaphele ukuba le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0004/2017.

9. Nayiphi na imibuzo malunga nokuzaliswa kwefom yesicelo inokuthunyelwa kumphathi wesekethe kwi-ofisi yesithili echaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:01:29

"Government Gazette 33971"  (ubukhulu: 220 KB)