1. Ngokwemimiselo i-Regulations pertaining to the National Curriculum Statement Grades R–12, epapashwe kwiSaziso No. R1114, kwiGazethi yeMimiselo No. 9886 yange-28 Disemba 2012, umfundi unokugcinwa kube kanye kuphela kwiSigaba seMfundo eQhubelekayo noQeqesho (Further Education and Training) (FET), ukuze kuthintelwe umfundi ekubeni agcinwe kwesi sigaba ithuba elingaphezu kweminyaka emine.

2. Oku kuthetha ukuba umfundi ongazifezekisiyo iimfuno zokupasa kwiBakala 10 okanye kwiBakala 11 emva kokuphinda ibakala, unokuvunyelwa adlulele kwibakala elilandelayo. Nakuba kunjalo, umfundi ololo hlobo makazaneze zonke iimfuno zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ekupheleni kweBakala 12, ukuze anikwe i-NSC.

3. Ngokuthathela ingqalelo oku, ukudlulela nokuba kukwiBakala 11 okanye kwiBakala 12, kuxhomekeke kwezi khrayitheriya zilandelayo:

  1. Umfundi kufuneka kuthi kanti akalipasanga nokuba liBakala 10 okanye iBakala 11 waza waphinda nokuba liBakala 10 okanye iBakala 11.
  2. Umfundi kufuneka apase ngo-30% kwizifundo ezine kwezisixhenxe ezifundiswa kwi-NSC, ezibandakanya uLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT) kunye nezinye izifundo ezithathu ezisuka kumaQela A kunye/okanye u-B kubandakanywa noLwazi ngezoBomi (Life Orientation).
  3. Umfundi kufuneka kuthi kanti ebesihamba qho isikolo. Ukungahambi sikolo iintsuku zokufundisa ezigqithisileyo kwi-20, ngaphandle kwesizathu esibambekayo, kuya kumkhiqa umfundi ekubeni makadluliselwe kwibakala elilandelayo. Oku kuthathwa njengokuhamba isikolo kakubi.
  4. Umfundi makathobele iimfuno zoVavanyo oluQhubekela eZikolweni (School-based Assessment) (SBA) ezimiselweyo zazo zonke izifundo ezifundiswayo, kubandakanywa nezifundo angazipasanga.
4. Abafundi abadluliselweyo ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12 kuphela, bangalinikwa iThuba loKuhlalela uViwo iXesha eLingaphezu koNyaka (Multiple Examination Opportunity) ekupheleni kweBakala 12, ukuze babe nokuzigqiba ngempumelelo iimviwo ze-NSC zabo.

5. Inkqubo yeMEO lunyinyiso (concession) olwenziwayo ukubhala ubuncinane bezifundo ezine (kubandakanywa noLwazi ngezoBomi) kunyaka weBakala 12 kunye nezifundo ezishiyekileyo kwiimviwo zangoJuni zonyaka olandelayo yaye zingafundiswa kuphela ukuba zonke ezi khrayitheriya zilandelayo ziyafezekiswa:

Umfundi weBakala 12 kufuneka:

  1. kuthi kanti ebedluliselwe ukususela kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12;
  2. kuthi kanti uzigqibe zonke iimfuno zakhe zoVavanyo oluQhubekela eZikolweni (SBA) kuzo zonke zosixhenxe izifundo kwiBakala 12;
  3. kuthi kanti ebesihamba qho isikolo (ukungasihambi isikolo iintsuku zokufundisa ezigqithisileyo kweziyi-20, ngaphandle kwesizathu esibambekayo);
  4. kuthi kanti sele ezibhalile iimviwo zikaSeptemba kuzo zonke izifundo; yaye
  5. akazipasanga ubuncinane bezintathu izifundo kwiimviwo zangoSeptemba 2018.
6. Inkqubo enokukhethwa eyiMEO yaqaliswa ukulungiselela abafundi abadluliselweyo ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12 kodwa abaye bathi, ngokusekelwe kwinkqubo yabo kwiBakala 12, banako ukubonisa ukuba abakwazi kumelana nomthwalo wokubhala zonke zontandathu izifundo kuviwo oluchotshelwa kube kanye.

7. Ukususela ngoNovemba 2018, zonke izikolo kunye nabazali/abagcini kunye nabafundi mabathobele iinkqubo ezinxulumene nokudluliselwa kwibakala elilandelayo kunye nokusetyenziswa kwenkqubo yeMEO.
7.1 Emva kokuba senziwe isigqibo ngokudluliselwa komfundi weBakala 11 ukuya kwiBakala 12 senziwe kwinqanaba lesikolo, abazali/abagcini babo bonke abafundi abadluliselwe kwelinye ibakala baya kucelwa ukuba basayine iMvumelwano yeMbopheleleko (IsiHlomelo A) apho:

  1. umzali/umgcini avumayo ukuba unyana/intombi yakhe, ayikazifezekisi iikhrayitheriya zokupasa iye kwiBakala 12;
  2. umzali/umgcini avumayo ukuba unyana/intombi yakhe yenzelwe unyinyiso olukhethekileyo (special concession) ukuba badluliselwe kwiBakala 12; yaye
  3. umzali/umgcini uyavuma ukuba inqununu iya kuthi ngokuthethana nabo, acele ukuba basayine isicelo (IsiHlomelo B) ukwenzela ukuba umfundi alandele iMEO ekupheleni kweBakala 12, ukuba umfundi uyazaneza zonke iikhrayitheriya.
7.2 Le nkqubo mayigqitywe ungadlulanga owe-20 Januwari kunyaka ngamnye. IMvumelwano eyiMbopheleleko esayiniweyo mayizaliswe esikolweni ifumaneke ukuze ibe nokungqinisiswa.
7.3 Inqununu yesikolo nomphathi wesekethe mabaqinisekise ukuba ubume beenkcukacha zomfundi odlulela kwibakala elilandelayo, buchanekile kwiCEMIS ungadlulanga umhla we-20 Januwari kunyaka ngamnye.
7.4 Inqununu kufuneka kunyaka weBakala 12 wonke, inike inkxaso eyiyo kumfundi odluliselwa kwibakala elilandelayo.
7.5 Inqununu mayibeke esweni inkqubo yomfundi odluliselwa kwibakala elilandelayo kwikota nganye yeekota yaye inike umzali/umgcini iripoti ebhaliweyo ngenkqubela yomfundi ekupheleni kwekota nganye.
7.6 Iripoti yekota nganye mayichaze isifundo (zifundo) apho umfundi angaqhubi kakuhle kuzo yaye umfundi unokucelwa ngokulandelayo ukuba makakuhlehlisele ukubhalwa kweso sifundo (kwezo zifundo) kuviwo lukaJuni wonyaka olandelayo.
7.7 Oku kuthetha ukuba isigqibo sokuba ingaba umfundi odluliselwa kwibakala elilandelayo uya kulandela inkqubo enokukhethwa yeMEO, siya kuxhomekela kwinkqubo yomfundi kwisifundo ngasinye kwikota yokuqala nakweyesibini, nakuviwo lokulungiselela (preparatory examination) kwikota yesithathu. Inkqubo kuviwo lokulungiselela iya kuba sesona sizathu siphambili sokwenza isigqibo ekuqondeni ukuba ngaba umfundi uya kucelwa ukuba alandele inkqubo enokukhethwa eyiMEO na.
7.8 Emva koviwo lokulungiselela lwangoSeptemba, inqununu yesikolo mayithethane nomzali/nomgcini kunye nomfundi odluliselwe kwibakala elilandelayo ngokubhekisele ekusetyenzisweni kwenkqubo enokukhethwa yeMEO.

  1. Inkqubo enokukhethwa yeMEO isebenza kuphela kubafundi abadluliselwe kwiBakala 12 nabazithobelayo zonke zontlanu iikhrayitheriya.
  2. Abafundi ababedluliselwe kwiBakala 12, nababonisa inqanaba lenkqubo efanelekileyo kuzo zonke izifundo kunyaka weBakala 12 wabo, baya kuvunyelwa babhale zonke zontandathu izifundo kuviwo lweBakala 12.
  3. Inqununu iya kubhala kwisicelo, kwisiHlomelo B, izifundo ezine (kubandakanywa uLwazi ngezoBomi) eziya kubhalwa kunyaka weBakala 12 kunye nezifundo ezithathu eziya kubhalwa kuviwo lwangoJuni kunyaka olandelayo.
  4. Inqununu mayigcine isiHlomelo B namanye amaxwebhu afanelekileyo, ukuba kuye kwacelwa ubungqina baloo nto yiofisi yesithili okanye nguNdlunkulu.
  5. Ukuqatshelwa kwabafundi beMEO makwenziwe kwiCEMIS.
8. Izithili mazibeke esweni izikolo ngononophelo ukuqinisekisa ukuba umgaqo-nkqubo ongokudluliselwa kwibakala elilandelayo komfundi neThuba loKuhlalela uViwo iXesha eLingaphezu koNyaka lisetyenziswa ngokufanelekileyo.

9. Izigqibo ezenziweyo ngokubhekisele kwinkqubo yokudlulisela umfundi kwibakala elilandelayo kunye neMEO makwenziwe oko kuthathelwa ingqalelo eyona mfuno iphambili yomfundi.

10. Uyacelwa ngesihle wazise okukule Setyhula bonke ootitshala, abazali/abagcini nabafundi abasesikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
IBAMBELA NTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:12:10

"Regulation Gazette No. 9886"  (ubukhulu: 854 KB)
IsiHlomelo A: IMVUMELWANO YEMBOPHELELEKO  (ubukhulu: 66 KB)
IsiHlomelo B: "Application for Multiple Examination Opportunity (MEO)"  (ubukhulu: 53 KB)