1. Iyaqhubeka ukukhula qho ngonyaka imfuno yeendawo zokufunda ezikolweni eziseNtshona Koloni. Ukuze kube nokulawulwa ngempumelelo ukwamkela abafundi ezikolweni, kucelwa izikolo zithobele la maxesha amisiweyo alandelayo okwamkela abafundi.

2. Imimiselo ekhankanywe kule setyhula isebenza kwizicelo ezifunyenwe ngo-2019 zokwamkela abafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngo-2020.
2.1 Le mihla ifanayo ilandelayo yokwamkela abafundi inika ithuba iWCED lokucwangcisa ngobuchule obungaphezulu ukubonelelwa kwamagumbi, inani labasebenzi abaqeshwe kwizikolo (staff establishments), ukuthengwa kwezinto zokuxhasa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM) kunye nezinye iinkqubo zongenelelo ngoncedo eziyimfuneko ukuqinisekisa ukuba izikolo zikulungele ukuqalisa kunyaka ngamnye.
2.2 Kucelwa izikolo ziwathobele la maxesha amiselweyo alandelayo okwamkela abafundi eWCED naya kusebenza kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo:

INYANGA IMIHLA KU-2019/20 UMSEBENZI
FEBRUWARI 01-08 Februwari 2019 Izikolo zifaka ekhompyutheni amanani obhaliso acwangcisiweyo kwi-School Admissions Management Information System (SAMI)
FEBRUWARI 15 Februwari 2019 Liyavulwa ithuba lokungena kwezicelo zokwamkela abafundi (zizo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo)
MATSHI 15 Matshi 2019 Liyavalwa ithuba lokungena kwezicelo zokwamkela abafundi (zizo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo)
JUNI 07 Juni 2019 Kwaziswa abazali ngesiphumo sesicelo kusetyenziswa ikhompyutha
JULAYI 12 Julayi 2019 Abazali bangqina ukwamkela okokugqibela iziphumo bephendula ekhompyutheni
IKOTA 3 Ikota yesithathu 2019 Abazali bazalisa iindawo ezikhoyo
IKOTA 4 Emva kokuba ukudlulela kwibakala elilandelayo nokupasa (progression and promotion) kwabafundi kusayinelwe Izikolo zingqina amanani obhaliso

3. Kunyanzelekile ukuba abazali abenze izicelo kwizikolo ezininzi mababhale ulandelelwano lwezikolo abazikhethayo kwisistim. Amawaka ngamawaka eendawo zaye zathintelwa kulo nyaka nakwixesha elidlulileyo apho abazali bengazange bazibhale khona iindawo zokugqibela abazikhethayo kwisistim. Oku kuyayilibazisa inkqubo yokuqukunjelwa kokwamkelwa kwabafundi iminyaka ngeminyaka.

4. Abazali mabasebenzise le URL ilandelayo: https://www.admissions.westerncape.gov.za ukwenza isigqibo sokugqibela sabo okanye banokuqhagamshelana neofisi yesithili echaphazelekayo ukwazisa iWCED ngesigqibo sabo sokugqibela.

5. Ukuba abazali abakungqini ukwamkela okokugqibela indawo yokufunda ungadlulanga owe-12 Julayi 2019 okanye ukuba abazifakanga iikopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu ayimfuneko, izikolo zinokuzigqithisela iindawo zokufunda ezilolo hlobo kubafundi abakuluhlu lwabalindileyo okanye kwabanye abafundi abasadinga iindawo.

6. Isikolo, nakuba kunjalo, masenze ilinge elinenzondelelo lokwazisa abazali ngesi sigqibo phambi kokugqithisela indawo leyo komnye umfundi.

7. Kucetyiswa ukuba kwimeko yokufakwa kwesibheno sokungamkelwa komfundi, imbambano okanye umngeni ngokwasemthethweni, izikolo zingacelwa zigqithisele iinkcukacha ezingesicelo eso, ezinjengokuqonda ukuba sasiqwalaselwe nini ngayiphi indlela isicelo eso. Ezi nkcukacha ziya kuthi emva koko zithathwe kwiziko ledatha elisemthethweni leWCED ekufumaneka kulo ingcaciso yokwamkela abafundi.

8. Kukhunjuzwa izikolo ukuba abazali bangayitshekisha imo yesicelo kwisistim yasekhompyutheni i-SAMI ngawo onke amaxesha, ngokwale sistim yangoku yaye kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo maziqinisekise ukuba isistim ibonakalisa ngokuchanekileyo isiphumo sezicelo ngawo onke amaxesha kwanokuba izikolo ziyawathobela amaxesha amiselweyo.

9. Imihla esikiweyo yolawulo lwasekhompyutheni nolwamkelo lwabafundi kwisistim yokwamkela abafundi yeWCED:
9.1 Isistim ivulela izikolo ukufaka ekhompyutheni amanani obhaliso acwangcisiweyo: 01 Februwari 2019
9.2 Inqununu isayinela amanani obhaliso acwangcisiweyo: 08 Februwari 2019
9.3 Umphathi wesekethe usayinela amanani obhaliso acwangcisiweyo: 12 Februwari 2019
9.4 Isistim ivulela izikolo zixele isiphumo sezicelo ngekhompyutha ungadlulanga owe-: 15 Februwari–03 Juni 2019
9.5 Isistim ibonisa isiphumo sezicelo zabazali: 07 Juni 2019
9.6 Izikolo zizalisa iindawo ezikhoyo: Kwikota yesithathu 2019
9.7 Izikolo zingqina amanani obhaliso: Emva kokuba kusayinelwe inkqubo yokudlulela kwibakala elilandelayo nokupasa kwabafundi.

10. Isistim yolwamkelo lwabafundi ivelisa uluhlu lwabafundi abangekafakwa ezindaweni ize ichaze ukuba zeziphi izikolo ezisenazo iindawo zokufunda ezifumanekayo njengoko izicelo zisafumana ukuqwalaselwa.

11. Kubalulekile gqitha ke ngoko ukuba izikolo ziziqwalasele izicelo ingadlulanga imihla esikiweyo ukuqinisekisa ukuba amagosa anengcaciso echanekileyo kuwo eya kusetyenziselwa ukwazisa abazali ngeendawo zokufunda ezikhoyo.

12. Ukusombulula iimeko apho umfundi angayifumananga indawo yokufunda esikolweni

Amagosa ezithili achaphazelekayo anoxanduva lokulawula ulwamkelo lwabafundi ezikolweni, aya kukwazi ukufumana iilisti zabafundi abangafakwanga zindaweni nezo ndawo zisafumanekayo kwizikolo ezikwisithili. La magosa aya kucelwa ancedise ekusombululeni iingxaki zokufakwa kwabafundi ezikolweni ngokuthethana nezikolo ezikwizithili nakwiisekethe ezichaphazelekayo.


13. Ngenxa yokwanda kwemfuno yeendawo zokufunda ezikolweni, iWCED inethemba lokuba le mimiselo iya kuzinceda izikolo kunye nabazali. Sinqwenela ukubulela iinqununu, amabhunga olawulo namagosa ngenkxaso yawo ekufakeni bonke abafundi ezikolweni.

14. Inkqubo yenkxaso yasesidlangalaleni
14.1 IWCED iya kuzibandakanya kwinkqubo yenkxaso yasesidlangalaleni epheleleyo eya kubandakanya iintlobo ngeentlobo zamajelo opapasho namaqonga okwazisa uluntu ngokubanzi.
14.2 Oku kuya kubandakanya amaphephandaba, iiphowusta, amaphetshana nezibhengezo zentengiso nerediyo kunye namaqonga onxibelelwano oluntu (social media platforms) achaphazelekayo.

15. Yonke imibuzo emalunga nokungentla ingathunyelwa kwiNtloko yoLawulo noKuphathwa kwamaZiko (Head: Management and Governance) okanye kumphathi wesekethe ochaphazelekayo kwisithili ngasinye.

16. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:12:06