1. Isixa esikhulu senkxaso-mali yemimiselo nemigangatho sisetyenziswa qho ngonyaka ukunika abafundi iincwadi zezifundo kuwo onke amabakala.

2. Kunyanzelekile ukuba iinqununu, ootitshala, abafundi nabazali bazinonophele ezi ncwadi zezifundo yaye mazifunyanwe kwakhona ezi ncwadi zezifundo ukwenzela ukuba ziphinde zisetyenziswe kwakhona kwithuba leminyaka emi-3 ukuya kwemi-4 lokusetyenziswa kwazo.

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka lingenise ingxelo yaqho ngonyaka ngokugcinwa kweencwadi zezifundo nangokufunyanwa kwazo kwakhona liSebe leMfundo esiSiseko nokuba ezi rekhodi zigcinwe liSebe ukwenzela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi.

4. Ziyacelwa izikolo ziyizalise yaye ziyisayinele le ngxelo isisiseko kwiCEMIS ukubonisa ukuba zingaphi na iincwadi zezifundo ezakhutshelwa abafundi yaye zingaphi na ezabuyiswayo ezifunyenweyo ngebakala ngalinye.

5. Le ngxelo mayizaliswe phakathi kowe-23 Novemba 2018 nowe-14 Disemba 2018.

6. Ukufikelela kwiskrini i-capture screen kwiCEMIS yiya:

  • kwi-"Administration" tab; uze
  • ukhethe u-"Textbook Retrievals" kwi-drop down menu uze uyizalise ingxelo.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:11:03