1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lazisa zonke izikolo zikarhulumente ukuba iSetyhula 0030/2017, yomhla we-06 Septemba 2017, isasebenza kodwa ifakelwe izilungiso ezingezantsi emaziqatshelwe yaye zisetyenziswe:
1.1 IsiHlomelo A3 sifakelwe izilungiso yaye zonke izikolo zikarhulumente kufuneka zisebenzise isiHlomelo A3 esifakelwe izilungiso nezicelo zazo.
1.2 Kufuneka zonke izikolo zikarhulumente zisebenzise irubrikhi ukuqinisekisa ukufana komgangatho nokuthintela naluphi na ulibaziseko olungeyomfuneko kulawulo lwezicelo zazo.

2. Ziyacelwa zonke izikolo zikarhulumente zibe nolwazi ngale migaqo iqhotyoshelweyo yenkqubo yesicelo xa zifaka izicelo zesiqendu 38A ukuqinisekisa ukuba zonke izicelo zazo zingeniswe ngokuchanekileyo.

3. Ayacelwa amabhunga olawulo ngokwesiqendu 38A(8) seSASA aqinisekise ukuba inkcitho ngokumalunga nesiqendu 38A icaciswe ngokucacileyo njenge-ayithem yebhajethi evunyiweyo engeniswa kwi-ofisi yesithili, qho nonyaka ngoDisemba.

4. Ziyakhunjuzwa zonke izikolo zikarhulumente ukuba izicelo zesiqendu 38A mazingensiwe ukususela nge-01 Agasti qho ngonyaka, njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 0030/2017.

5. Njengoko zonke izikolo zikarhulumente zikhuthazwa ukuba zingenise izicelo ezongezelelweyo ukwenzela abasebenzi abatsha kunyaka wonke, akukho mhla wokuvala kodwa ayakhunjuzwa amabhunga olawulo ukuba aqinisekise ukuba kubhajethelwe iimali ezaneleyo ukulungiselela izicelo ezongezelelweyo, njengoko kuchaziwe kumhlathi 3 apha ngentla.

6. Ayakhunjuzwa amabhunga olawulo ukuba asebenzise kuphela iziHlomelo A1, A2 no-A3 eziqhotyoshelweyo liSebe iWCED. IziHlomelo ezikwiiletahedi zezikolo okanye kuzo naziphi na izihlomelo ezitshintshiweyo aziyi kwamkelwa yaye izicelo ezilolu hlobo ziya kuthathwa njengezingaphelelanga. IziHlomelo A1, A2 no-A3 mazisayinwe ngusihlalo webhunga lolawulo njengoko kuchaziwe kwiifom eziqhotyoshelweyo; izihlomelo ezingasayinwanga ziya kuthathwa njengezingaphelelanga.

7. Ukungaphumeleli ukuyilandela mbo le nkqubo njengoko imiselwe kule setyhula nakwinkqubo yokwenza isicelo kunganeziphumo zokuba sikhatywe isicelo.

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:10:13

"South African Schools Act (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
IMIGAQO YENKQUBO YOKWENZA ISICELO  (ubukhulu: 67 KB)
IRubrikhi yeSiqendu 38A  (ubukhulu: 59 KB)
ULUHLU LOKUTSHEKISHA LWESIQENDU 38A  (ubukhulu: 68 KB)
IziHlomelo A1, A2 no-A3  (ubukhulu: 138 KB)