1. Le setyhula ihlaziywe ngokutsha kwaye itshitshisa iSetyhula 0040/2007 ngokupheleleyo.

2. Ngokwecandelo 38(1)(d) loMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act) (PFMA), ka-1999 (uMthetho 1 ka-1999), umphathi ngamnye makamisele inkqubo yokulawulwa nokugcinwa ngokukhuselekileyo kwee-asethi. Ngaphezulu, iNtloko yeSebe mayibe nerejista yee-asethi emayichaze indawo kanye ezikuyo ezo asethi. Makugcinwe irekhodi epheleleyo yazo zonke izixhobo zokusebenza ezikudidi A ezinokubalwa (umz. iitafile, izitulo, iikhompyutha, iifeksi nezinye izixhobo zokuncedisa ekwenzeni umsebenzi) (labour-saving devices) ezikwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED).

3. Emva kokubalwa kwestokhwe kwamvanje, ii-inventri zazo zonke izinto (ifanitshala nezixhobo), eziphantsi kolawulo lwegosa ngalinye zasayinwa ligosa elichaphazelekayo zaza zabekwa emva kocango kwindawo nganye ephantsi kolawulo lwabo. Oku kuthetha ukuba ezi zinto kufuneka zibekho xa uMphicothi-zincwadi Jikelele ephicotha irejista yee-asethi.

4. KwiiSetyhula 0028/2005 no-0041/2005, yange-23 Meyi 2005 neyange-17 Agasti 2005 ngokulandelelanayo, amagosa ayecelwe ukuba ukuba angazisusi ii-asethi azise kwezinye iiofisi ngaphandle kokwazisa iCandelo loLawulo lweeMpahla neeNkonzo ngeentshukumo ezilolo hlobo. Makuzaliswe ifom yokususwa kwe-inventri ukwenzela le njongo.

5. Ngethuba lokubalwa kwestokhwe ngo-2017/18 nokungeniswa kwerejista yee-asethi ukuze zibe nokuphicothwa, kwaqatshelwa ukuba abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) babenomkhwa wokukhe bangayithobeli imiqathango ebekiweyo kwezi setyhula zikhankanywe ngentla, njengoko izinto ezikwii-inventri sele zasuswayo ngaphandle kokungeniswa kweefom zokususwa kwazo.

6. Bonke abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) kwakhona bayacelwa ukuba mabathobele okulandelayo:
6.1 Makungasuswa nayiphi na into kwindawo ekuyo ngaphandle kokuba ifom yokususa izinto (isiHlomelo A), sele izalisiwe yaza yavunywa.
6.2 Nayiphi na impahla ebiweyo okanye edukileyo kufuneka, ngokwenkqubo yokulawula ukulahleka kweempahla, mayixelwe ngoko nangoko kwiGosa loLawulo lweLahleko kwiSebe (Departmental Loss Control Officer), kwakunye neCandelwana loLawulo lwee-Asethi (Asset Management Unit), ukwenzela ukuba irejista yee-asethi ibe nokufakwa ingcaciso entsha.
6.3 Ukuba kukho ukushota kwayo nayiphi na into okanye nayiphi na into engesasetyenziswayo/eyonakeleyo, icandelo lolawulo lwee-asethi elifanelekileyo malixelelwe ngokusebenzisa ifom yezinto ezigqithisileyo kwinani elifunekayo/ifom yezinto ezishotayo (isiHlomelo B). Igosa lolawulo lwee-asethi (amagosa olawulo ee-asethi) liya kulandela imigaqo efanelekileyo lize ligqithise ifom ezalisiweyo yaza yasayinwa kuBaphathi beCandelo loLawulo lwee-Asethi (ifumane ingqwalaselo kaMnu HG Barnes) kwaNdlunkulu. Makungabikho zinto ezingenako ukuphinda zilungiswe kwakhona/ezingasetyenziswayo emazishiywe epasejini okanye kufutshane neelifti. Kwiimeko ezilolo hlobo isaziso soko kungasenakusetyenziswa masinikwe ngerikhwizishini nganye, ihamba kunye nefom ezalisiweyo eyi-PGWC 002 form, ukwenzela ukuba into leyo (izinto ezo) ichaphazelekayo ibe nako ukususwa.
6.4 ICandelwana loLawulo lwee-Asethi malisoloko lixelelwa ngazo zonke izinto ezithengiweyo, izipho nezinto ezigqithiselwe kwabanye ukuqinisekisa ukuba ii-inventri zisoloko zifakwa qho ingcaciso yamvanje.
6.5 Ukuba kuye kwakho izixhobo ezitsha ezisandula ukuthengwa, eziziswe ngqo kwi-ofisi yakho ngumthengisi, umzekelo, iikhompyutha (idesktophu okanye ilephutophu) okanye ifanitshala, oku makuxelwe ngoko nangoko kwiCandelwana loLawulo lwee-Asethi, neliya kulungiselela ukuphawulwa (marking) nokufakwa kweebhakhowudi (bar coding) kwezo mpahla kwanokufakwa kwengcaciso yamvanje kwirejista yee-asethi. Malunga neekhompyutha eziziidesktophu, makuboniswe ukuba ngubani oza kuzisebenzisa, indawo kanye ekuyo ikhompyutha kunye nenombolo yolandelelwano (serial number) echaphazelekayo. Luxanduva olusemagxeni amagosa ukwenza amalungiselelo neCentre for eInnovation ukuza kufakwa kweekhompyutha. Ukuba kutshintshwa ikhompyutha ngenye, makunikwe iinkcukacha zaleyo itshintshwayo kuze kucelwe ukuchithwa kwayo (disposal thereof), kusetyenziswa ifom yerikhwizishini engu-Log 1. Yonke le ngcaciso ifunelwa ukuhlaziya irejista yee-asethi ngengcaciso yamvanje.
6.6 Ukuba ileyibhile yebhakhowudi yayo nayiphi impahla iye yaxobuka okanye yaduka, mayixelwe ngoko nangoko kwiCandelwana loLawulo lwee-Asethi, neliya kuphinda liyincamathisele okanye liyisuse lifake enye.

7. Abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) kulindeleke kwakhona ukuba mabanyule igosa (kwicandelo ngalinye okanye kwi-ofisi yesithili) ekufuneka inkcazo yomsebenzi walo ibandakanye imisebenzi yomlawuli wee-asethi (asset controller) zelo candelo okanye ze-ofisi ethile (fumana kuqhotyoshelwe apha inkcazo yomsebenzi wolawulo lwee-asethi njengesiHlomelo C). Bonke abaphathi abajongene nestokhwe baya kucelwa bathumele igama lomntu otyunjiweyo kuMnu A Betz kule dilesi ilandelayo:
Room 620, 6th Floor
Grand Central Towers
Cape Town

8. Kuyathenjwa ukuba kuya kuhanjelwana mbo ngawo onke amaxesha nemiyalelo ekule setyhula ngomoya wentsebenziswano.

9. Imibuzo ngokubhalwe kule setyhula inokubhekiswa kula magosa alandelayo:

Mnu A Betz Ifoni 021 467 2805
Mnu H Barnes Ifoni 021 467 2049

10. Kucelwa abaphathi abajongene nestokhwe bazise bonke abasebenzi ngokukule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:09:10

"Public Finance Management Act (PMFA), 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)
IsiHlomelo A: "Asset Movement Form"  (ubukhulu: 52 KB)
IsiHlomelo B: "Reporting of Surpluses/Shortages"  (ubukhulu: 55 KB)
IsiHlomelo C: "Job description - Asset controller"  (ubukhulu: 60 KB)