1. Ibhunga lolawulo elisebenza kakuhle nelithatha inxaxheba sesinye sezalathi eziibalulekileyo zokusebenza kakuhle kwesikolo. Indima yabazali kulawulo lwesikolo nakwimfundo yabantwana babo ayinakugxininiswa ngaphezu koku ngokubhekiselele kwiziphumo esithe sazibona malunga noku.

2. Amabhunga olawulo ayimodyuli eyinxenye yeprogram ekwi-CEMIS evumela ukuba izikolo zifake ingcaciso emalunga namabhunga olawulo azo kwakunye nokuzincedisa izikolo zilungise umqulu woluhlu lwabavoti kunyulo olulindelekileyo, unyulo lovalosikhewu nokunyulwa kwamalungu amatsha. Imodyuli yebhunga lolawulo kwi-CEMIS inala macandelo alandelayo:
2.1 Ukufakwa kweenkcukacha zabazali ukwenzela ukuqulunqa umqulu woluhlu lwabavoti: Izikolo zimele ukuqaphela ukuba ngabazali ababini kuphela abanokufakwa kwikhompyutha ngomfundi ngamnye. Indima edlalwa ngabazali kwindawo engqonge isikolo nakwimfundo yabantwana babo ibalulekile kakhulu yaye ayimele kujongelwa phantsi okanye ithathwe njengento engenamsebenzi. Izikolo mazenze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba kuphela ngabazali abazifezekisayo iimfuno ezimiselweyo zomthetho, njengoko kumiselweyo kuMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1996)) abafakiweyo kwi-CEMIS.
2.2 Iiprofayili zamalungu ebhunga lolawulo anyuliweyo: Phakathi kuka-Apreli noJuni kunyaka ngamnye, izikolo mazifake yaye/okanye mazihlaziye kwiCEMIS iiprofayili zamalungu ebhunga lolawulo.
2.3 Ukuqeqeshwa kwamabhunga olawulo: ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizimisele ukuqinisekisa ukuba onke amabhunga olawulo anikwa inkxaso. Ngako oko, kubalulekile ukuba izikolo zifake kwikhompyutha iimfuno zoqeqesho kwakunye noqeqesho olufunyenwe lilungu lebhunga lolawulo ngalinye.
2.4 Umbutho: Ngokwesiqendu 20(3) seSASA, ibhunga lolawulo linokujoyina ngokuzithandela umbutho omela amabhunga olawulo kwizikolo zikarhulumente. Esi siqendu sivumela izikolo zifake iintlawulo ezenziweyo kumbutho (kwimibutho) webhunga lolawulo isikolo esijoyine kuwo.
2.5 Isixhobo sokuvavanya ukusebenza kwebhunga lolawulo esiyi-governing body functionality tool: Isikolo ngasinye kufuneka sikuvavanye ukusebenza kwebhunga lolawulo phakathi kwe-01 Agasti ne-30 Septemba kunyaka ngamye. Isixhobo sovavanyo esisayinelwa yinqununu nangusihlalo webhunga lolawulo, siquka ukureyithwa kwamabhunga olawulo koku kulandelayo:
2.5.1 Imigaqo-nkqubo nemithetho yeBhunga lalawulo
2.5.2 Iintlanganiso nee-asethi
2.5.3 Ulawulo lwezemali
2.5.4 Imiba yezekharityhulam efuna inkxaso yebhunga lolawulo
2.6 Iintlanganiso zebhunga lolawulo zaqho ngekota: I-SASA ifuna ukuba amabhunga olawulo ahlangane ubuncinane kube kanye ngekota yaye izikolo ke ngoko zinokufaka imihla yazo ecwangcisiweyo neyeentlanganiso eziya kuqhubeka kanye kanye.
2.7 Ukuchithwa kwebhunga lolawulo: Imigaqo ehlaziyiweyo Procedures for the Establishment and Election of Governing Bodies at Public Schools Regulations, 2017 eyapapashwa kwiGazethi yePhondo eyoNgezelelweyo (Provincial Gazette Extraordinary) No. 7810, yomhla we-17 Agasti 2017, ivumela iNtloko yeSebe ukuba ilichithe ibhunga lolawulo. Eli candelo livumela izikolo zifake iinkcukacha apho kungenzeka ukuba lichithwe ibhunga lolawulo.

3. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba iSebe iWCED nezikolo ziphicothwa qho ngonyaka yaye iinkcukacha zamabhunga olawulo mazifakwe ngokuchanekileyo yaye mazihlaziywe qho ngonyaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:08:25

"South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)