1. ISiqendu 19(2) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (South African Schools Act) (SASA), ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996), njengoko sifakelwe izilungiso, sifuna ukuba inqununu, namanye amagosa, ancedise amabhunga olawulo ekwenzeni imisebenzi yawo ngokwalo Mthetho.
2. Inqununu yesikolo ngummeli ngokwaseburhulumenteni weNtloko yeSebe leMfundo (iWCED) lo gama iseyinxalenye yebhunga lolawulo. Inyanzelekile ngoko ke iqinisekise ukuba kumiselwe amanyathelo olawulo angawo ajolise ekuqhubeleni phambili iinkqubo zolawulo nokuphathwa kweerekhodi.
3. Imimiselo ehlaziyiweyo i-Procedures for the Establishment and Election of Governing Bodies at Public Schools, 2017, epapashwe kwiGazethi esiSongezelelo yePhondo No. 7810 yange-17 Agasti 2017, ifuna ukuba inqununu ibambe intlanganiso yokuqala yebhunga lolawulo elisandula ukunyulwa zingadlulanga iintsuku ezisixhenxe emva konyulo obelusenziwa ngabazali.
4. Inqununu mayiququzelele inkqubo yonikezelo lweencwadi emayenzeke zingadlulanga iintsuku eziyi-14 iqhubekile intlanganiso yokuqala yebhunga lolawulo.
5. Inqununu mayiqhube inkqubo yonikezelo lweencwadi ngokunikezela ngokusemthethweni zonke iifayili ezingokuphatha, kuqukwa nomgaqo-siseko webhunga lolawulo, imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo, kwibhunga lolawulo elitsha.
6. Inqununu kufuneka, kwakule ntlanganiso inye, iqhube iseshoni yokungeniswa ngokusemthethweni (induction session) kwamalunga amatsha iphendule nayiphi na imibuzo ibhunga lolawulo elitsha ekunokwenzeka ukuba libe nayo.
7. Isatifikethi sonikezelo lweencwadi (isiHlomelo A), esisayinwe ngabo bobabini oosihlalo, lo ungenayo nalo uphumayo, masizaliswe kwaye sigcinwe ngokunqatyisiweyo esikolweni.
8. Kukhunjuzwa iinqununu ukuba kwenziwa uphicotho-zincwadi qho ngonyaka kwiWCED kwaye ubungqina benkqubo yonikezelo lweencwadi mabubhalwe kwimizuzu yentlanganiso yaye kurekhodwe ngokufanelekileyo.
9. Kucelwa ukuba wazise okukule setyhula bonke abaphathi bebhunga abaphumayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:01:18

"South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
"Provincial Gazette Extraordinary No. 7810"  (ubukhulu: 374 KB)
IsiHlomelo A  (ubukhulu: 76 KB)