1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liyavuya ukwazisa ngokuqhubeka kokuqatshelwa kwenkqubo yokufunda ngokwenziwa kweenkonzo zabahlali (service learning recognition) njengophawu lweprogram yalo ngoSeptemba 2018.
2. Kwixesha elidlulileyo, iWCED yanika ingqwalaselo ngokusesikweni umsebenzi wootitshala kunye nenkqubo yezikolo ngokubanzi. Nakuba kunjalo, iSebe liyiqondile into yokuba umsebenzi obalaseleyo ozisa izinto ezintsha owenziwa luninzi lwabafundi bethu awusoloko ufumana ngqwalaselo efanayo okanye elinganayo kunaleyo inikwa umsebenzi owenziwa ngootishala.
3. UMphathiswa weMfundo wePhondo uyayixhasa ingcamango yokuba iWCED mayiqalise amaBhaso okuWonga aBafundi ngoKwenziwa kweeNkonzo zaBahlali qho ngonyaka (annual Service Learning Awards), aya kwaziwa njengeWCED Service Learning Awards.
4. Yinjongo yeWCED ukomeleza nokuphucula iprojekthi njengoko ikhula ngokukhula.
5. Ukufunda ngokwenziwa kweenkonzo zabahlali (service learning) yinkqubo yokufunda nokufundisa esele imiselwe kwiindawo ezininzi ezisehlabathini. Yinkqubo efuna ukuhlanganisa inkonzo eyiyo eyenzelwa abahlali nokufundiswa eklasini kwanengqiqo (reflection) ekuphuhliseni amava okufunda, ukufundisa uxanduva lokuba ngummi welizwe kwanokuphucula iindawo zasekuhlaleni zethu.
6. Nangona izikolo ezininzi zaseNtshona Koloni zibandakanyeka kumsebenzi onxulumene nezasekuhlaleni, akukho kunikwa ngqwalaselo kucwangcisiweyo okanye kwephondo liphela ekufundeni kwabafundi okunxulumene nenkonzo yasekuhlaleni kwenziweyo ukuza kuthi ga ngoku.
7. Xa kujongwa ngokubanzi, abahlali badinga uninzi lwabantu ngokugqithisileyo – ingakumbi abantu abatsha – ukuba babandakanyeke kwimvumelwano yezentlalo enenjongo yokwakha ngokutsha imigaqo yokuziphatha ngentsulungeko koluntu lwethu lwasekuhlaleni (moral fabric of our communities) – ingakumbi kwiimeko zentlalo zabo babekade bevinjwe amathuba kwixesha langaphambili.
8. Imigaqo yokuthatha inxaxheba iqulathwe kwesi sikhokelo sinika ingcasiso sihamba nale setyhula. Inqununu noTitshala oliGosa loQhagamshelwano (Teacher Liaison Officer) (TLO) abajongene neBhunga eliMele aBafundi (Representative Council of Learners) (RCL) kulindeleke ukuba bancedise amalungu e-RCL ekulawuleni ezi nzame ngokwabo ukuze babe nako ukufumana uqeqesho ekusingatheni imisebenzi elolo hlobo.
9. Lo gama ekuqaleni iWCED iya kuba ibeke esweni iiprojekthi namalinge asele ekho, injongo ikwasekuphuculeni izakhono ngamandla nasekukhuthazeni uthatho-nxaxheba kwizikolo ezingenayo loo misebenzi. Oku kuya kwenziwa ngongenelelo ngoncedo lweZikolo eZikhuselekileyo oluya kwenzeka emva kweeyure zesikolo (Safe Schools after-school intervention).
10. Ngokumalunga noku, kukhuthazwa amabhunga olawulo aqinisekise ukuba izikolo zawo zineeprogram eziqaphelekayo nezisekuhleni zasemva kweeyure zezikolo eziya kumana ziphuculwa qho ngonyaka.
11. Le program ingayitshintsha indlela abafundi abalubona ngayo uluntu lwasekuhlaleni. Kukhathazwa iinqununu ukuba zikhuthaze abafundi ekusebenzeleni ukuba babe ngabemi abachubekileyo njengoko eli linge linamandla okuphucula unamathelwano lwezentlalo (social cohesion) nokubethelela ubudlelane phakathi kwabantu oluntu obusemgangathweni.
12. Fumana apha kule setyhula isikhokelo kunye nefom yokungenela.
13. Kucelwa wazise okukule setyhula zonke ii-RCL kunye namabhunga olawulo ezikolo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:07:27

ISikhokelo seNgcaciso ngamaBhaso okuWonga aBafundi ngoKwenziwa kweeNkonzo zaBahlali  (ubukhulu: 103 KB)
"Nomination form"  (ubukhulu: 64 KB)