1. Njengoko kuchaziweyo kwileta esuka kwiSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) yowe-22 Novemba 2017, iDBE iya kuprinta yaye ihambise iincwadi zokwenza umsebenzi kuzo zonke izikolo zikarhulumente (eziqhelekileyo nezemfundo eneemfuno ezizodwa) eNtshona Koloni ukulungiselela unyaka wekhalenda yesikolo ka-2019.
1.1 Ezi ncwadi zilandelayo ziya kusiwa ngqo ezikolweni:
1.1.1 Iincwadi zokwenza umsebenzi zeBakala R
1.1.2 EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zeeLwimi zeeNkobe
1.1.3 EzamaBakala 1 ukuya ku-3 zeMathematika kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT)
1.1.4 EzamaBakala 4 ukuya ku-9 zeMathematika kwisiNgesi nakwiAfrikansi
1.1.5 EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo zesiNgesi
1.1.6 EzamaBakala 1 ukuya ku-3 zeZakhono zoBomi
1.2 IVolyum 1 ka-2019 (yeKota 1 no-2) neyeBakala R ziya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-28 Septemba 2018.
1.3 IVolyum 2 ka-2019 (yeKota 3 no-4) iya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-30 Novemba 2018.

2. NgoMatshi 2018, kwakucelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuba linike iDBE amanani abafundi aqikelelweyo eencwadi zokwenza umsebenzi eziza kuprintwa zisiwe ukulungiselela u-2019. Amanani abafundi anikwa iDBE asuselwa kwiinkcukacha zasekhompyutheni zeCentral Education Management Management Information System (CEMIS) efanelekileyo eyayifumaneka ngelo xesha.

3. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi eziza kusiwa kwisikolo ngasinye ziyangqinelana namanani abafundi anikwa iDBE yiWCED. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi ngebakala ngalinye izikolo ezinokulindela liziswe yiDBE linokujongwa kwikhasi lewebhu leLTSM (learning and teaching support material) (CAPS textbooks) kwiziko lewebhu leWCED (Idilesi yeziko lewebhu yile: http://wcedonline.pgwc.gov.za/branchPS/LTSM/index.html.

4. Uxwebhu olusisikhokelo oluchaza umgaqo wenkqubo yaphambi nangethuba lokusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi luqhotyoshelwe njengesiHlomelo A apha kule setyhula.

5. Zakuba zizisiwe iincwadi zokwenza umsebenzi ngumboneleli-nkonzo weDBE, kulindeleke ukuba izikolo zithelekise inani leencwadi zokwenza umsebenzi ezizisiweyo namanani anikwe kweli ziko lewebhu likhankanywe apha ngentla. Naziphi iincwadi ezizisiweyo zolwimi olungachanekanga okanye ezishotayo mazixelwe kwiphepha elibubungqina bokuziswa kwazo (proof of delivery) (POD) yaye oko makwaziswe umboneleli-nkonzo obezise iincwadi zokwenza umsebenzi egameni leDBE.

6. IDBE ifaka amaphepha abubungqina iiPOD esikolo ngasinye kweli ziko lewebhu: http://www.schoolmaster.org.za yaye kukhuthazwa izithili zingene kweli ziko lewebhu ukungqinisisa iinkcukacha ezingokuziswa kweencwadi. Inombolo yasekhompyutheni eyi-Education Management Information System (EMIS) yesikolo inokusetyenziselwa ukuloga kwiziko lewebhu.

7. Ngo-Oktobha 2018, zonke izikolo ekusiwe kuzo iincwadi zokwenza umsebenzi ziya kucelwa ukuba zingene kwi-CEMIS ukufaka amanani abafundi aqikelelweyo ango-2019 nenani ngqo leencwadi zokwenza umsebenzi ngesifundo ngasinye nangebakala ngalinye ezifunyenwe kwiDBE. Ngethuba lokwenziwa kwale nkqubo, iincwadi zokwenza umsebenzi ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko ziya kuqwalaselwa kuze kuxelelwe izithili malunga noko. Le ngxelo iya kufumaneka ku-EduInfoSearch.

8. Amagosa ezithili achaphazelekayo aya kuba noxanduva lokuququzelela ukusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi eziqatshelwe njengezishotayo.

9. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:07:27

IsiHlomelo A: Isikhokelo sokufunyanwa kweencwadi zokwenza umsebenzi zamaBakala R–9 kunyaka wesikolo ka-2019  (ubukhulu: 68 KB)
IsiHlomelo B: "Workbook recording template - 2018 Workbooks Delivery"  (ubukhulu: 56 KB)