1. Kukhe kwakho iziganeko ezimbalwa kutshanje ezinyanzelise iNtloko yeSebe (iHoD) leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuba icele izikolo ukuba maziqwalasele kwakhona izicwangciso zokhuseleko zazo, ingakumbi ngokubhekisele kwimimiselo yokulawula ngokukuko ukungena kumasango ezikolo nezicwangciso zazo zokujongana neziphazamiso kwiimeko zongxamiseko.
2. Kucelwa izikolo ziqinisekise ukuba zinazo iikomiti ezimiselweyo ezijongene nezokhuseleko ezisebenza ngobuchule kwanokuba abasebenzi banolwazi ngemisebenzi yabo efanelekileyo xa kuye kwavela naziphi na iimeko zongxamiseko.
3. Kukhunjuzwa izikolo ziqinisekise ukuba zonke iinkqubo zokusaba eziyimfuneko (necessary evacuation procedures) zimiselwe yaye kumiselwa imisebenzi ebonakalisa inkathalo, kwanomba wokuba iidrili zoqhelaniso lokusaba (rehearsed) zenziwa qho.
4. Ukuba naso nasiphi isikolo siye safumana naziphi iifoni ezikrokrisayo okanye izoyikiso zezityholo zobukho beziqhushumbisi, inombolo ekucetyiswa ukuba mayifonelwe kuse-Flying Squad ku-10111, phambi kokuba kwaziswe i-ofisi yesithili kunye neZikolo eziKhuselekileyo (Safe Schools).
5. Iifoni ezinjalo mazinikwe ingqwalaselo emandla ngokuyimfuneko ade amagosa ezonyanzeliso lomthetho athi kanti anika imvume yokuba ukufunda nokufundisa esikolweni kungaqhubela phambili.
6. Iziganeko ezinjalo mazisingathwe ngenzolo yaye kucetyiswa ukuba iinjongo zezokhuseleko, yonke imibuzo ebhekisele kwimidiya mayithunyelwe kuBronagh Hammond (uMlawuli wezoNxibelelwano) ku-072 724 1422 okanye apha Bronagh.hammond@westerncape.gov.za.
7. Ukhuseleko lwabafundi nootitshala bethu lubaluleke gqitha yaye sicela zonke izikolo zithathe amanyathelo ayimfuneko ukulungiselela nayo nayiphi na imeko yezongxamiseko.
8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:07:26