1. Fumana apha kuqhotyoshelwe ithayimthebhile yeemviwo zikaNovemba 2018 zeMfundo noQeqesho lwaBadala (ABET) iNqanaba 4. Ezi mviwo ziya kuqala nge-29 Oktobha 2018 ziphele nge-20 Novemba 2018. Zonke iiseshoni zoviwo ziya kuqala ngo-14:00. Ukungalandeli ngqo imihla namaxesha emviwo kuya kuba sisitenxo (irregularity).

2. Ukuqinisekisa umgangatho weenkqubo zeemviwo kubaluleke kakhulu ukwenzela uqinisekisa ukuthembakala kweemviwo. Oku kuya kubandakanya utyelelo olungaxelwanga kumaziko okubhalela iimviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iimviwo ziqhutywa ngokwemimiselo echaphazelekayo. Abameli abavela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), abavela ku-Umalusi nakwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho {Department of Higher Education (DHET)} baya kubeka esweni iinkqubo zeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo. Kucelwa uqaphele ukuba ababeki-liso (monitors) baya kuvunyelwa ukuba babeke esweni uviwo kuphela xa bevelisa ubungqina bokuzazisa (proof of identity) neleta ebagunyazisayo ukuba babeke esweni uviwo egameni le-ofisi echaphazelekayo.

3. Ukuba iimviwo zeziko zibhalelwa ngaphakathi kwisikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangaphambili okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, icandelo lesakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela kunye namancedo ezindlu zangasese (ablution facilities), njl. njl.

4. Ngumsebenzi osemagxeni noxanduva lomphathi weziko lemfundo ukusingatha yonke imiba yezolawulo ephathelele kwiimviwo.

5. Akukho mviwa makavunyelwe angene kwigumbi lokubhalela uviwo ngaphandle kokuba uveza ileta yokwamkelwa eluviweni kunye nesazisi. (Qaphela ukuba xa umviwa evunyelwe ukubhala uviwo ngaphandle kwesazisi esisemthethweni neleta yokuvunyelwa ukungena kwigumbi loviwo, makaveze ubungqina besazisi zingadlulanga iiyure eziyi-24. Ukungakwenzi oko kuya kuba sisitenxo ekubhalweni koviwo).

6. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
6.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo neencwadi zempendulo kunye nokufunda imigaqo yeemviwo.
6.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
6.3 Ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kule mizuzu engama-35. Ukwaphulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo.
6.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.

7. Kucelwa abaphathi bamaziko ukuba:
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebhile ngoko nangoko ukwenzela ukuba bakwazi ukulungiselela iimviwo; nokuba
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba mabaveze izazisi zabo kunye neeleta zokuvunyelwa ukungena kwigumbi loviwo phambi kokuqala kweseshoni yoviwo nganye ukwenzela ukuthintela nabuphi na ubuqhophololo bezazisi (identity fraud) obunokwenzeka.

8. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa kunye nootitshala.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
IBAMBELA LENTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:07:06

"GETC: ABET Level 4 November 2018 Examination Timetable"  (ubukhulu: 38 KB)