1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) lakhupha iSetyhula S13 ka-2015, yomhla we-22 Julayi 2015, ngokumalunga nokuqaliswa kokusetyenziswa ngokumana kusongezwa ngokwamanqanaba uncwadi lweFET ukususela ngo-2016 ukuya ku-2018.

2. ISetyhula S13 imisela ukuba uncwadi lweBakala 10 maluqaliswe ukusetyenziswa ngo-2018 ngokungqinelana neNational Catalogue of FET Literature for Grade 10 to 12 (2015) eqhotyoshelweyo apha. Kwaye kwaqatshelwa izikhewu ezahlukeneyo kwizinto zokufunda ezikule khathalogu ikhankanywe ngentla. Nakuba kunjalo, i-DBE icebise ukuba ngoku isaxakeke kukuzalisa izikhewu ezikhoyo kwaye iya kuthi emva koko ikhuphe ikhathalogu ehlaziyiweyo zisakuba zonke iinkqubo zigqityiwe ukwenziwa.

3. Izikolo kufuneka ke ngoko zi-odole uncwadi lweFET kwiBakala 11 lokufundwa ngo-2019 ngokungqinelana nesikhokelo esinikwe kwingongoma 4 apha ngezantsi.

4. Izikolo mazithobele ezi mfuno zilandelayo zeNkcazelo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement) (CAPS) xa ku-odolwa uncwadi:

  1. ULwimi lweeNkobe: yiNoveli enye, iDrama enye neNgqokelela yeSihobe enye. Kwiilwimi zesiNtu, iNoveli inokususwa kufakwe endaweni yayo uNcwadi lweMveli (Folklore).
  2. ULwimi loKuqala oloNgezelelweyo: naziphi ezimbini kwezi mbalo – iNoveli, iSihobe, iDrama namaBalana aMafutshane.
  3. ULwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: naluphi olunye kwezi mbalo – iNoveli, iSihobe, iDrama namaBalana aMafutshane.
5. Kwezi kheyisi zilandelayo akukho khetho loncwadi lunikwayo:

  1. IAfrikansi uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: Akukho khetho lweDrama, iSihobe okanye lwamaBalana aMafutshane lwenziwayo.
  2. IsiNgesi uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: Akukho khetho lwamaBalana aMafutshane okanye iSihobe lwenziwayo.
  3. IsiXhosa uLwimi loKuqala oloNgezelelweyo: Akukho khetho lwamaBalana aMafutshane lwenziwayo.
  4. IsiXhosa uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: Akukho khetho lweembalo lwenziwayo.
  5. ISesotho uLwimi loKuqala noLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: Akukho khetho lweembalo lwenziwayo.
  6. ISetswana uLwimi loKuqala oloNgezelelweyo: Akukho khetho lweDrama, iSihobe okanye lwamaBalana aMafutshane lwenziwayo.
  7. ISetswana uLwimi lweeNkobe: Akukho khetho lweDrama lwenziwayo.
6. Kulindeleke ukuba izikolo zisebenzise izihloko zoncwadi zazo ezikhoyo ngokumalunga neembalo ezikhankanywe ngentla ukuzalisa izikhewu ezikwiKhathalogu kaZwelonke yeBakala 11.

7. Izikolo mazizalise le thempleyithi yoku-odola iqhotyoshelweyo yenani elifunekayo loncwadi lweFET lweBakala 11. Malibhalwe phantsi inani leencwadi eziya kufuneka zohlobo lobhalo ngalunye olukhethiweyo.

8. Ithempleyithi ezalisiweyo mayithunyelwe nge-imeyili apha Shameez.Gurah@westerncape.gov.za ungadlulanga uLwesihlanu, we-01 Juni 2018.

9. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuzihlawula ngokwazo iindleko zoncwadi olusandula ukuthengwa zeBakala 11.

10. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:05:28

"Grade 11 literature catalogue template 2018-19"  (ubukhulu: 40 KB)