1. UMphathiswa weMfundo esiSiseko wapapasha ukutshitshiswa komqathango othintela abafundi be-Accounting ukuba bafunde iMathematics kuphela kwiSaziso sikaRhulumente No. 1402, kwiGazethi kaRhulumente No. 41321 yomhla we-15 Disemba 2017 ngokungqinelana neemfuno ezimiselweyo zoMthetho woMgaqonkqubo weMfundo kaZwelonke (NEPA), 1996 (uMthetho 27 ka-1996).
2. Ngenxa yeso sizathu iSetyhula 0046/2017 (esuselwa kwiSetyhula S13 ka-2017) yakhutshwa ngowe-04 Disemba 2017 emalunga nokutshitshiswa kwalo mqathango.
3. ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE) lithathele ingqalelo iziphumo zoku kuqaliswa kwalo mqathango yaye ke ngoko likhupha umyalelo wokuba abafundi ababedlelwe indlala ngulo mqathango kwiBakala 10 ngo-2017, bamele ukuvunyelwa basitshintshe isifundo (izifundo) ukuba banqwenela ukwenza ngolo hlobo ukulungiselela ukungqinelana nezilungiso ezifakelwe kumgaqo-nkqubo omtsha.
4. Ngako oko abafundi ababhalisiweyo kungokunje kwiBakala 11 ngo-2018 abakhetha i-Accounting banako ukuyidibanisa neMathematics okanye ne-Mathematical Literacy. Oku kufakelwa kwezilungiso kumgaqo-nkqubo ke ngoko kuya kusebenza nakwiBakala 12 ngo-2019.
5. Izikolo ke ngoko ziya kuvunyelwa zizifake izicelo zokutshintshwa kwezifundo zazo ezimalunga nokutshitshiswa komqathango we-Accounting, kude kube ngowe-30 Juni 2018.
6. Izithili zemfundo kufuneka zizivume ezi nguqu ungadlulanga owe-31 Julayi 2018.
7. Abafundi baya kubanako ukukhetha ukuzitshintsha izifundo zabo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Esi sigqibo masenziwe sibe sesilungiselela umfundi ngeyona ndlela ibhetele yaye masenziwe ngencwadi ebhaliweyo kunye nabazali/nabagcini babafundi.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngale ngcaciso kubo bonke abafundi beBakala 11, bangoku, abazali/abagcini babafundi nootitshala, ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:05:15

"National Education Policy Act, 1996 (Act 27 of 1996)"  (ubukhulu: 54 KB)