1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lifumene i-AET Memorandum 01 ka-2018 esuka kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (Department of Higher Education and Training) (DHET), efakela izilungiso kwithayimtheyibhile yeemviwo iJune 2018 Adult Basic Education and Training (ABET) Level 4 timetable.
2. Ngokwakwithayimtheyibhile esele isasaziwe kumaziko ngeSetyhula 0004/2018, ngomhla we-28 Januwari 2018, uviwo lweABET lukaJuni lucwangciselwe ukuba luqale nge-31 Meyi 2018 lugqitywe nge-22 Juni 2018. Fumana apha kuqhotyoshelwe ithayimtheyibhile efakelwe izilungiso yeemviwo zikaJuni 2018 zeABET Level 4. Olu viwo ngoku luya kuqala nge-21 Meyi 2018 lugqitywe nge-12 Juni 2018.
3. Fumana apha kuqhotyoshelwe ithayimtheyibhile efakelwe izilungiso zeemviwo zikaJuni 2018 zeABET Level 4.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abafundi nootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:05:12

"GETC: ABET Level 4 June 2018 Examination Timetable"  (ubukhulu: 38 KB)