1. Izikolo eziseNtshona Koloni kulindeleke zinike incwadi yezifundo (textbook) umfundi ngamnye obhalisiweyo ngesifundo ngasinye sakhe.

2. Ukuze kuqinisekiswe ukuba bonke abafundi kwisikolo ngasinye baneencwadi zezifundo (textbooks) kuzo zonke izifundo ngo-2019, kucelwa iinqununu ukuba:
2.1 zichaze inani elilindelekileyo labo lokubhalisa abafundi ngokwebakala ngebakala ngo-2019;
2.2 ziqikelele inani elilindelekileyo labafundi abangaphezulu ekuqaleni kuka-2019 ngokusekelwe kwindlela izinto ezidla ngokwenzeka ngayo kule minyaka idlulileyo;
2.3 ziqinisekise ukuba zonke iincwadi zezifundo ekungokunje zikumagumbi anqatyisiweyo zithathelwa ingqalelo; kwaye
2.4 zithathele ingqalelo ukuba limi njani iqondo lokubuyiswa kweencwadi zezifundo ngabafundi (textbook retention rate) ekupheleni konyaka kule minyaka idlulileyo.

3. Ezi ngcombolo zikumhlathi 2 mazisetyenziselwe ukunika ulwazi ngoku-odolwa kweencwadi zezifundo zokongezelela (textbook top-up orders) zango-2019.

4. Kuya kunikwa izikolo ithuba libe linye kuphela ngo-2018, phakathi kwe-28 Meyi ne-08 Juni, loku-odola iincwadi zezifundo zokongezelela zabo kusetyenziswa ifasilithi yokwenza ii-odolo efumaneka kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED). Oku kuthetha ukuba izikolo mazibekele bucala ixesha ukulungiselela iimfuno zazo zokongezelela iincwadi zezifundo zango-2019 ngononophelo, zithathela ingqalelo zonke iimeko ezichazwe kumhlathi 2.

5. Iimali zokuxhasa ukufunda nokufundisa kunye nemimiselo nemigangatho yolwabiwo (learning and teaching support materials norms and standards) (ye-N&S) zezikolo ziya kusetyenziselwa ukuhlawula iincwadi zezifundo zokongezelela nezokukhula kwamanani abafundi (top-up and learner growth textbooks) ngoJanuwari 2019.

6. Ukuba izikolo azinamali zolwabiwo ze-N&S ezaneleyo zokuhlawulela zonke iincwadi zezifundo zokongezelela nezijongene nokwanda kwamanani abafundi ezizi-odola ngekhompyutha, makufakwe isicelo kwiWCED sokufuna uncedo lwezemali. Isicelo eso masizaliswe kwithempleyithi eqhotyoshelweyo, yaye kufuneka sichaze nesizathu sokucela olo ncedo lwezemali. Le thempleyithi mayisayinwe yinqununu yesikolo iskenwe ize ithunyelwe nge-imeyili apha aletta.knipe@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-22 Juni 2018.

7. Kukhuthazwa izikolo ziwenze ziwagqibe amalungiselelo azo phambi kokuba lifike ithuba lokufaka ii-odolo ngekhompyutha zeencwadi zezifundo zokongezelela zabo ezifunekayo ukususela kumhla ekuye kwavulwa ngayo isistim yasekhompyutheni (online system) nge-28 Meyi 2018.

8. Xa ungena ekhompyutheni kwi-CEMIS, khetha u-"Administration" option kwi-menu bar uze ukhethe u-"CAPS textbook top-up" kwi-drop down list. I-sub-menu iya kuvela yona ikuse kwi-capture screen, naku-"How to guide". Kukhuthazwa izikolo zikufunde kwaye zikwazi okubhalwe ku-"How to guide" phambi kokuba zifake ekhompyutheni ii-top-up textbook orders.

9. Kucelwa ufunde i-welcome note kunye ne-guide ekhompyutheni kwiCEMIS ukuqinisekisa ukuba ngubani omakuqhagamshelwane naye xa kukho naziphi iingxaki eziye zivele xa kufakwa ii-odolo zeencwadi zezifundo zokongezelela ezizii-top-up textbook orders.

10. Yakungqinisiswa i-odolo yasekhompyutheni yaza yasayinwa yinqununu, isikolo masiprinte ikopi eliphepha ye-odolo engqinisisiweyo (verified order), siyitshekishe ukuba ichanekile na kwaye siyigcine kwirekhodi.

11. Kufikelele kwingqwalaselo yeWCED ukuba izikolo zinomkhwa wokwala ukuziswa kwee-odolo ezazifakwe ngokungachanekanga sisikolo, noye uchaphazele iimali zababoneleli-nkonzo. Ababoneleli-nkonzo okanye ii-arhente ezijongene nokuziswa kweencwadi zezifundo azisayi kunyanzeleka zizibuyisele ngendlela echanekileyo ii-odolo ezinikiweyo. Kukhunjuzwa iinqununu ukuba isikolo sinoxanduva ngokwezemali ngazo zonke ii-odolo ezifakwe ngeCEMIS kwaye azinandlela yimbi ngaphandle kokuba kunyanzelekile ukuba zamkele oko kuziswe ezikolweni ngokungqinelana ne-odolo eseburhulumenteni.

12. Kucelwa wazise okukule kule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:05:12

"Application for financial assistance: Top-up textbooks for 2019"  (ubukhulu: 49 KB)