1. Fumana apha kufakwe ikopi yethayimtheyibhile yokugqibela yeemviwo zokuxabangela zeMatriki (NSC supplementary examinations) zangoFebruwari–Matshi 2018.

2. Iimviwo zokuxabangela zeNSC zicwangciselwe ukuba ziqale nge-19 Februwari 2018 zize zigqitywe nge-27 Matshi 2018.

3. Olu iya kuba luviwo lokuxabangela lokugqibela kuba, ukususela ngo-2019, zimbini kuphela iimviwo eziya kubhalwa – olwangoJuni 2019 nolwangoNovemba 2019.

4. Ziiseshoni zimbini zoviwo ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iseshoni yakusasa iya kuqala ngo-09:00, ize iseshoni yasemva kwemini iqale ngo-14:00.

5. Kuya kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela zeNSC kwizikolo eziziisekondari nakwezinye iindawo zokubhalela iimviwo, njengoko kumiselweyo liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED).

6. Kuphela ngabagadi babaviwa bangaphandle ababebandakanyeke ekuqhutyweni kweemviwo zangoNovemba 2017 zeNSC abaya kusetyenziswa ekugadeni ezi mviwo, njengoko kukhankanyiweyo kwiimvumelwano zabo ezisayiniweyo. Umgadi wabaviwa oneqhuzu (senior invigilator) wango-2017 uya kusebenza njengomgadi wabaviwa oyintloko kuviwo lokuxabangela lweNSC lwango-2018.

7. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqiniseke ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya malisetyenziswe ngale ndlela ilandelayo:
7.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwizitulo ezichanekileyo zabo, ukukhupha amaphepha emibuzo, njl. njl.
7.2 Kwimizuzu elishumi eshiyekileyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
7.3 Akuvumelekile ukubhala okanye ukwenziwa kweenowuthsi ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu eyi-35. Nakuphi na ukwaphulwa kwalo mthetho kuya kuba sisitenxo (an irregularity).
7.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimtheyibhile yoviwo.

8. Iifom zokubhalisela iimviwo zokuxabangela zeNSC zathunyelwa kubo bonke abaviwa abakufaneleyo ukuhlalela uviwo.

9. Ithayimtheyibhile yokugqibela yeemviwo zokuxabangela zeNSC zango-2018 iya kufumaneka kwakhona kwiziko lewebhu leWCED apha: https://wcedonline.westerncape.gov.za.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:01:02

"February - March 2018 Final NSC Supplementary Examination Timetable"  (ubukhulu: 51 KB)