1. Ngokwesiqendu 42(b) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika,1996, (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act (SASA)), 1996 (Act 84 of 1996) ofakelwe izilungiso, ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente malithi ngokukhawuleza ukuba kunokwenzeka, kodwa zingadlulanga iinyanga ezintathu emva kokuphela konyakamali ngamnye, oko kukuthi nge-31 Matshi, liqulunqe iingxelo-mali zaqho ngonyaka ngokungqinelana nesi sikhokelo simiselwe nguMphathiswa weMfundo wePhondo.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) alikhange likhuphe sikhokelo ngaphambili ngokwesiqendu 42(b) se-SASA, kodwa endaweni yoko likhuphe imiyalelo equlethwe kwiZahluko A no-I zemanyuwali eyi-Basic Financial System for Schools. Le manyuwali yakhutshwa ngokwesiqendu 37(1) seSASA yiNtloko yeSebe.
3. Esi sikhokelo siqhotyoshelweyo kungokunje simiselwe nguMphathiswa weMfundo wePhondo yaye ngoko ke sikhutshwa ngokwesiqendu 42(b) seSASA. Kulindeleke ukuba amabhunga olawulo azo zonke izikolo zikarhulumente, aqulunqe iingxelo-mali zaqho ngonyaka ngokungqinelana nesi sikhokelo siqhotyoshelweyo.
4. Kucelwa niqinisekise ukuba okuqulethwe yile setyhula nesikhokelo kwaziswa bonke abachaphazelekayo, kubandakanywa nomphicothi-zincwadi wesikolo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-P BEETS
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:04:04

"South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
ISIKHOKELO SOKUQULUNQWA KWEENGXELO-MALI ZAQHO NGONYAKA  (ubukhulu: 110 KB)
"Annexure A-J"  (ubukhulu: 156 KB)