1. IBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers) (i-CEM) liyivumile ithayimtheyibhile yeemviwo zango-2018 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) esele yasasazwa njengeSetyhula 0006/2018, yomhla we-25 Januwari 2018.

2. Kufikelele kwingqwalaselo yeSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) ukuba uLwimi loKuthetha ngeZandla lwaseMzantsi Afrika uLwimi lweeNkobe (South African Sign Language Home Language) (lwe-SASLHL) ngempazamo luye alwafakwa kwithayimtheyibhile.

3. Ukuqinisekisa ukuba abafundi abenza i-SASLHL balungiselelwe kwakhona, kucelwa uqwalasele ezi zongezo zibalulekileyo zilandelayo kwithayimthebhile ka-2018 yeNSC:

  1. I-SASLHL P1 iya kubhalwa ngoLwesibini, nge-06 Novemba 2018 ngo-09:00

  2. I-SASLHL P2 iya kubhalwa ngoLwesibini, nge-13 Novemba 2018 ngo-09:00

  3. I-SASLHL P3 iya kubhalwa ngoLwesibini, nge-20 Novemba 2018 ngo-14:00
4. Oku kuthetha ukuba amaphepha e-SASLHL aya kubhalwa ngemihla kunye namaxesha amanye nalawo wokubhalwa kwamaphepha eSepedi, iSesotho, iXitsonga neTshivenda.

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane iThayimtheyibhile yeeMviwo zePhondo zango-2018 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (amended Provincial 2018 National Senior Certificate Examination Timetable) (isiHlomelo A) bonke abafundi abafunda uLwimi loKuthetha ngeZandla lwaseMzantsi Afrika uLwimi lweeNkobe.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:04:21

"National Senior Certificate (NSC) Examination Timetable October - November 2018 (Final - 2nd Amended)"  (ubukhulu: 85 KB)