1. Izikolo ziyaziswa ngokwenjenje malunga nethuba lokuqala lokusebenzisa ikhompyutha, ukususela ngowe-02 ukuya kowe-11 Meyi 2018, uku-odola izinto zokubhala nezokucoca eziya kusetyenziswa ngo-2019.
2. Le setyhula kufuneka ifundwe kunye neeSetyhula 0031/2017, zowe-20 Septemba 2017, no-0032/2017, yowe-15 Septemba 2017.
3. Ngo-2017 izikolo zazisiwe kwiSetyhula 0031/2017 malunga neekhontraki ezimbini ezahlukeneyo eziqukunjelwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) uku-odola izinto zokubhala nezokucoca nangenkqubo yoku-odola eya kusebenza ngokweekhontraki ezichaziweyo ezisebenza kwizikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21.
4. Kuya kunikwa isikhokelo kwiCEMIS ukucacisa indlela izinto zokubhala nezokucoca emazifakwe ngayo ekhompyutheni kuze emva koko kusayinwe.
5. IWCED iya kufaka ii-odolo zezinto zokubhala nezokucoca, ezokusebenza egadini kunye nezombane ekwenziwe isicelo sazo egameni lezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kunye nomthengisi okwimvumelwano nabo, onguMasiqhame Trading 1057 CC, njengoko kucacisiweyo kwiSetyhula 0032/2017.
6. Izikolo zingafaka kuphela i-odolo yasekhompyutheni yee-ayithem ezidweliswe kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezokucoca, ezokusebenza egadini kunye nezombane (eziqhotyoshelwe apha). Ezi khathalogu ngokubhekisele kunyaka wokuqala zivumeleke kuphela kude kuyokuba nge-30 Septemba 2018.
7. Kucelwa uqaphele ukuba iikhontraki eziphathelele kwizinto zokubhala azilithengisi kwaye azilizisi iphepha lokufotokopa okanye iikhatriji zokuprinta. Ezi ayithem, kwakunye nezinye ii-ayithem ezingadweliswanga kwezi khathalogu, ziya kuthengwa ngokwahlukeneyo kusetyenziswa iikoteshini ekwenziwa izicelo zazo ekhompyutheni kusetyenziswa i-Integrated Procurement Solution (IPS). Izikolo mazingenise iirikhwizishini (WCED 026 forms) ngokubhekisele koku kwi-ofisi yeLTSM ungadlulanga owe-11 Meyi 2018 ukuqinisekisa ukuziswa kwangethuba kwezinto.
8. Izikolo kuya kufuneka zisebenzise iimali zezabelo zazo ngokwemimiselo nemigangatho (norms and standards) (N&S) ukuthenga ii-local purchases ukulungiselela ukuhlawula zonke iimfuno zazo zezinto zokubhala nezokucoca, ezokusebenza egadini kunye nezinto zombane. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo zicwangcise ngononophelo ukugqiba ngeendlela eziya kuzisebenzisa ngazo iimali zezabelo zeN&S zazo ukuqinisekisa ukufumaneka ngokwaneleyo kweemali zokujongana neemfuno zazo. Izikolo ziya kuncediswa ngokuthi ii-odolo nexabiso lazo liqinisekiswe nje ukuba ii-odolo zikhutshwe.
9. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zisebenzise eli thuba uku-odola ngobuninzi iimfuno zazo kwaye ziya kunikwa ithuba lesibini, ukususela nge-30 Julayi ukuya kowe-08 Agasti 2018, loku-odola naziphi na ezinye ii-ayithem ekunokwenzeka ukuba zisekhona.
10. Kucelwa wazise okukule setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
IBAMBELA LENTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:04:04

"Masiqhame Trading: Stationery catalogue"  (ubukhulu: 87 KB)
"Masiqhame Trading: cleaning material catalogue"  (ubukhulu: 111 KB)