1. |
UMmiselo otshitshisiweyo oyi-D2/V/I of the Public Service Regulations (PSR), 2001, owawupapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. R.1 yowe-05 Januwari 2001, wagqiba ngokubhekisele kwi-ovathayim ukuba ugunyaziwe olawulayo unokumbuyekeza umqeshwa xa esebenze i-ovathayim ukuba ngaba, |
1.1 |
umqeshwa akayonxalenye yeNkonzo yaBaphathi aBakhulu (Senior Management Service) (SMS); kwaye |
1.2 |
ngaphandle kwakwiimeko ezinxaxhileyo, imbuyiselo yaqho ngenyanga ye-ovathayim inganeno kwe-30% yomvuzo womqeshwa waqho ngenyanga. |
2. |
Ngokubhengezwa kwePublic Service Regulations (PSR), ka-2016, eyayipapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 40167 yange-29 Julayi 2016, uMmiselo 49(1) ucacisa ukuba ugunyaziwe olawulayo uya kumbuyekeza umqeshwa, oku akungabhekiswanga kulowo ulilungu leSMS, ngomsebenzi we-ovathayim ukuba imbuyiselo yenyanga ye-ovathayim inganeno kwe-30% yomvuzo womqeshwa waqho ngenyanga okanye umqathango ogqitywe nguMphathiswa, nokuba sesiphi isixa esinganeno. |
3. |
Ngokumalunga nabaqeshwa abaneenotshi zomvuzo ezingaphezu kwenotshi 1 yenqanaba lomvuzo 8, inotshi esezantsi ekuqingqwe kuyo imbuyiselo ye-ovathayim, umqathango we-30% usebenza kumvuzo ongekaxhuzulwa (basic salary) oyi-R281 418 qho ngonyaka. Lo mvuzo usandula ukuchazwa ulungelelwaniswa qho ngonyaka kunye neendleko ngokubanzi ezilungiselelwe ukuphila (general cost of living adjustment). |
4. |
Iinguqu ezibaluleke gqitha ezaye zaziswa kunye noMmiselo 49(1), ekubhekiselwe kuzo ngentla zezokuba: |
4.1 |
intlawulo ye-ovathayim yomqeshwa yaqho ngenyanga ngoku iqingqwe yangu-30% womvuzo waqho ngenyanga okanye umqathango ogqitywe nguMphathiswa, nokuba kokuphi okunganeno, kwakhona ingabi ngaphezu kwe-R281 418 ngokubhekisele kwinqanaba lomvuzo 8; kwaye |
4.2 |
ugunyaziwe olawulayo akasenalo igunya lokuvuma imbuyiselo ye-ovathayim ukuba igqithe ku-30% womvuzo womqeshwa waqho ngenyanga ngenxa yeemeko ezinxaxhileyo. |
5. |
Ngokubhekisele kokukhankanywe ngentla, zonke izigunyaziso ze-ovathayim ezaziphawulelwe ukugqitha kumthetho we-30% ziya kufakwa kwii-akhayivu kwenziwe ugunyaziso lwe-ovathayim olutsha. |
6. |
Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abaqeshwa abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo. Kwakhona, fumana kuqhotyoshelwe apha ifom ye-ovathayim efakelwe izilungiso ukuze inikwe kwaye isetyenziswe ngabachaphazelekayo. |
ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEMICIMBI YESEBE
UMHLA: 2018:03:23
|
 |