1. Uthatho-nxaxheba lwabafundi kwiinkqubo zasemva kweeyure zesikolo nakuphuculo lwesikolo kuqukwa neenkqubo zemfundo nezemidlalo, kunye nemisebenzi yasemva kweeyure zesikolo zikhankanywe njengabona ndoqo baphambili kwinkqubo yephondo yokuzisa utshintsho eyi-provincial Game Changer programme.

2. Ukubandakanya abafundi kwiinkqubo okanye kwimisebenzi elolo hlobo, ngokukodwa kwiindawo zasekuhlaleni ezisemngciphekweni ngenxa yokuzinikela kootitshala, iinqununu, namahlakani anobuchule ekwenzeni umsebenzi (strategic partners) kwandisa amathuba abafundi okuphila ubomi obuyimpumelelo.

3. Kucelwa iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linike ingxelo yenani labafundi abathatha inxaxheba kwiinkqubo zophuculo lwesikolo nakwimisebenzi yasemva kweeyure zesikolo kwiSebe leMfundo esisiSiseko likazwelonke nakubathathi-nxaxheba abaninzi.

4. Izikolo zibonelela ngeentlobo ngokubanzi zeenkqubo okanye zemisebenzi yophuculo lwesikolo kwaye iWCED ayikwazanga kunika datha ichanekileyo apho abafundi bathatha khona inxaxheba kwiinkqubo okanye kwimisebenzi kwaye oku kusenzeka kuphindwa kangaphi.

5. Ukuphucula nokuphumeza ithagethi yayo yokwandisa amanani abafundi abathatha inxaxheba kwiinkqubo ezilolo hlobo, iWCED icela izikolo zibhalise abafundi kwiinkqubo okanye kwimisebenzi eyenziwa zizikolo ngoku kwiCEMIS. Iinkqubo okanye imisebenzi icwangciswe yazezi ndidi zilandelayo:

  1. Ezemidlalo
  2. EzoBugcisa neNkcubeko
  3. Iiklabhu kunye nemibutho
  4. Imfundo ngezasekuhlaleni noxanduva lokuba ngummi
  5. Ezemfundo
6. Nje ukuba abafundi bafumane ukubhaliswa, le fankshini mayivumele isikolo, iWCED okanye abathathi-nxaxheba balandelele ukuhanjwa kwesikolo ngabafundi, inkqubo kunye nefuthe leenkqubo okanye lemisebenzi.

7. Ifankshini ekwiCEMIS iya kuvumela kwakhona isikolo ukuba:

  1. sinike kwaye sabe ootitshala abasingethe ulawulo lwenkqubo okanye lomsebenzi
  2. sifake ekhompyutheni kwaye silandelele abafundi ababhalwe ngesandla ephepheni okanye ekhompyutheni.
8. IWCED inenjongo yokunika inkxaso izikolo ekusingatheni inkqubo yokufaka idatha ekhompyutheni ngokwenza ukuba abaqhelaniswa abaqeqeshiweyo (trained interns) bafumaneke ukunceda ekufakeni idatha ekhompyutheni nasekulandeleleni ukuhanjwa kwesikolo kwizikolo ezityunjiweyo.

9. Ukuhamba kwabafundi le nkqubo okanye le misebenzi kunokurekhodwa ngesandla ephepheni kufakwe kwiCEMIS emva koko okanye kwenziwe ekhompyutheni ngoko nangoko apho ifumanekayo khona indlela yokungena kwi-intanethi. Ezinye iinkcukacha ezingokuhanjwa kwesikolo ziya kwaziswa kumagosa nasezikolweni kungekudala.

10. Ukusebenzisa ifankshini ekwiCEMIS yiya apha:

  1. Ithebhu i-‘Administration
  2. Iiprogram ii-‘School Enrichment programmes
  3. Kwizikrini ii-‘Capture Screens
11. Kucelwa iinqununu zenze ukuba okukule setyhula kube nofumaneka kubo bonke abathathi-nxaxheba ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-A LEWIS
IBAMBELA LENTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:03:20