1. Umbono weSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) "wemfundo esemgangathweni yomntwana ngamnye kwiklasi nganye, kwisikolo ngasinye" ugxininisa kuyo yonke imisebenzi eqhubeka kwizikolo zethu, kodwa ngokukodwa, kwiiklasi apho uninzi lokufundisa nokufunda ubukhulu becala kuqhubeka khona, kugxininiswa kwiimethodi zokufundisa eziya kuphucula ukufunda.
2. Inkulungwane ye-21 apho abafundi kuya kufuneka basebenze, ifuna izakhono ezingaphezu kokwazi oko kuqulathwe sisifundo. Lo gama ulwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala (literacy and numeracy) lusasele lusesona siseko sokwakha esiphambili ekuqondeni, ekusebenziseni nasekuzuzeni ulwazi, sele sibona ukuba ilizwe namhlanje lifuna bonke abantu banxibelelane ngobuchule, basebenzisane ngempumelelo, bakwazi ukusombulula iingxaki nokusebenzisa izakhono zokucinga ngobuchule nangengqiqo (creative and critical thinking) kunye nokwenza igalelo kwilizwe esiphila kulo.
3. Ukuze sinike inkxaso abafundi ekuzuzeni ezi zakhono kwixeshana elingephi abalichitha esikolweni, kufuneka sigxininise ekufundiseni ngempumelelo nanto leyo eya kukhokelela ekufundeni okusemgangathweni ophezulu kangangoko kunako. Oku kungenzeka apho kukho ukufundisa okusemgangathweni okwenzeka kwimeko yasesikolweni okanye yaseklasini kunika inkxaso esekelwe kwinkqubo yokucingisisisa nzulu ngale nto ubuyenza (reflective practice) ukulungiselela ukuphucuka okwenzeka okokoko.
4. Izifundo zophando ezininzi zibonakalisa ukuba ubunkokeli obujongene nokuhlohla kunye nokufundisa okusemgangathweni, obusekelwe kwiinkqubo zokufunda nokufundisa ezinelona thuba libhetele lokuzikisisa ukufunda, bubalulekile ekuphumezeni umbono wethu esele siwuchazile. Ngokufanayo, uphando kwakhona lwafumanisa ukuba ootitshala, beyinikwa inkxaso yobunkokeli bokufundisa esuka kwiiKomiti zoLawulo lweZikolo (School Management Teams) (SMTs), inamandla gqitha ekuncedeni abafundi bethu, abasuka kwiimeko ezahlukeneyo nabaneemfuno zokufunda ezahlukeneyo, ukulungiselela ukuba kube nokuzuzwa lukhulu koko bakufundileyo.
5. Kwilinge lokunika inkxaso ubunkokeli obujongene nokuhlohla kunye nokufundisa ukulungiselela ukufunda okuphucukileyo, le meyitriksi yokunika inkxaso iqhotyoshelweyo apha iqaqambisa amacandelo aphambili esinokuthanda ootitshala bagxininise kuwo kwiklasi nganye. Ngento nganye yala macandelo mpawu, kubuzwa umbuzo okhokelayo womgaqo wokufundisa (pedagogical question) obuzelwa ukuba ukhokele ingqiqo ngeemethodi zokufundisa ezisetyenzisiweyo. Le meyitriksi ayithathi ndawo yeekhrayitheriya ze-IQMS kungenjalo ingenanto yakwenza nenkqubo ye-IQMS. Eyona njongo yayo ephambili kukunika inkxaso ekufundiseni nasekuvavanyeni okusemgangathweni okwenzeka imihla ngemihla kwaye ayinanto yakwenza nakuhlolwa kukatitshala.
6. Naliphi ilinge elinenjongo yokuphucula ubuchule bokufundisa, lifuna ukuba ucingisisise ngokunyanisekileyo ngezinto ozenzayo wena ubuqu (honest self-reflection) ngokumalunga neenkqubo zokufundisa zangoku (ukuphumelela nokusilela kwazo), emva kolo wenze izigqibo ezizizo sele usazi ngamanyathelo asengqiqweni oya kuwathatha ukulungiselela ukuba ukhule kubuchule bokwenza umsebenzi. Ukuze siyincede le nkqubo, le meyitriksi kwakhona iqaqambisa iimpawu zokufundisa eziqhelekileyo ezinokuthi zibonakaliswe ngutitshala osaphuhlayo, ofundisa kakuhle okanye ofundisa ngobuchule gqitha onako ukukubonakalisa. Ngale ndlela, utitshala ngamnye unokwenza ingxelo ngento ayenzayo yakhe aze afumane umcamango wenqanaba abasebenza bekulo ngokwecandelo lokufundisa ngalunye. Imeyitriksi kwakhona inceda ekuqapheleni ukuba leliphi inqanaba lophuhliso lobuchule utitshala lowo anokusebenzela ukulifikelela.
7. Kwimeko yesifundo ngasinye esifundiswayo, aBacebisi ngeZifundo bethu baya kunika inkxaso yekharityhulam neyomgaqo wokufundisa (pedagogical support) kootitshala kumacandelo okufundisa osibhozo ukuqinisekisa ukufunda okuphuculiweyo.
8. Omnye umba obaluleke gqitha weli nyathelo lokunika inkxaso bubunkokeli obujongene nokufundisa obufuneka buphume kwiinqununu, kwiintloko zamacandelo ezifundo (departmental heads) nakwiintloko zezifundo (subject heads). Njengeenkokeli ezijongene nekharityhulam, inqununu nekomiti yezolawulo yakhe mabaqalise iinkqubo ukuqinisekisa ukuba abafundi bafunda ngezona ndlela zisemgangathweni kangangoko kunako kunye nokuba uvavanyo oluqhubekela esikolweni (olusesikweni nolungekho sesikweni) luyasetyenziswa ukuphucula ukufundisa nokufunda. Kukulo mba wobunkokeli apho abaphathi beesekethe namanye amagosa esithili aya kudlala indima ebalulekileyo khona ekunikeni inkxaso iikomiti zobunkokeli ezikolweni.
9. Le meyitriksi inika isigama sokuba sithethe kwaye sicinge ngokufundisa okusemgangathweni kwanokufumana iindlela ezibhetele zoko kungumbono wabasebenzi okumalunga nendlela izikolo zethu ezinokwenza ngayo igalelo elibaluleke gqitha ekuncedeni abafundi bakulungele ukuzuza amathuba angawo emva kokuba bekugqibile ukufunda ukuze babe nako ukwenza igalelo labo eluntwini.
10. Lo nyaka ubhengezwe njengoNyaka woKufunda oKuqhutywa ziiMfundiso ezisiSiseko (Year of Values-driven Learning). Iimpawu ezininzi ezikule meyitriksi yokunika inkxaso zinenjongo yokubethelela iimfundiso ezisisiseko (values) eziya kunceda abafundi ekwakheni ukuzithemba kwabo kunye nokucacisa ngemingeni esijongene nayo siluluntu. Ngokubonakalisa ezo mfundiso kwindlela esifundisa nesiqhuba ngayo uvavanyo, siya kuququzelela ukuqondwa ngokupheleleyo kwezo mfundiso zisisiseko ngabafundi.
11. Iinqununu nootitshala bakhuthazwa ukuba bafunde le meyitriksi yokunika inkxaso ukulungiselela ukufundisa nokuvavanya okusemgangathweni nokusoloko kuthethwa okokoko malunga nokuzuza iziphumo zokufunda ezibhetele zomfundi ngamnye. Kucetyiswa ke ngoko ukuba iingxoxo ngamacandelo okufundisa mazibe yinxalenye yenkqubo yokuphuhlisa ubuchule bootitshala ezikolweni.
12. Abafundi balingomso lethu. Masenze konke okusemandleni wethu ukuphucula umgangatho wokufundisa kwethu kunye nokuqwalasela oko bakufundayo kwanendlela abafunda ngayo. Yiba nengqiniseko ngenkxaso esuka kumagosa akwaNdlunkulu nawee-ofisi zezithili njengoko sithabatha uhambo kunye lokuthi gqolo siphucula amava okufunda azuzwa ezikolweni zethu.
13. Fumana apha kuqhotyoshelwe imeyitriksi efumaneka ngazo zontathu iilwimi zaseburhulumenteni eNtshona Koloni. Ukuze le meyitriksi ibe nokusetyenziswa kakuhle kakhulu, kucetyiswa ukuba mayiprintwe kwiphepha eliyisayizi engu-A3.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:02:26

IMETRIKS EXHASA UMGANGATHO WOKUFUNDA NOKUFUNDISA  (ubukhulu: 83 KB)