1. Iincwadi zomsebenzi zabafundi (bamaBakala R – 9) zesiqingatha sesibini sika-2017, njengoko kuchaziwe kwiSetyhula 0029/2016, zasiwa kuzo zonke izikolo.
2. Ukwenzela ukuba izikolo zikwazi ukuziqaphela kwangexesha iincwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko zamaBakala R – 9 kwisiqingatha sesibini sika- 2017, mazingene kwi-CEMIS zonke izikolo zikarhulumente, phakathi kowe-08 nowe-12 Meyi 2017. Ngeli thuba izikolo zifanele ukulifaka ekhompyutheni yaye zilisayinele inani kanye ngqo leencwadi zomsebenzi ezifunyenweyo kwibakala ngalinye ngakwinani labafundi ababhalisiweyo eliqikelelweyo langoJulayi, 2017.
3. Xa izikolo zingena kwi-CEMIS, zifanele ukukhetha u-"Administration" option okwi-menu bar. Kwi-drop down list, zikhethe u-"Workbooks" ukuze zikhethe u-"Welcome and guidelines" okanye iskrini esino-"Capture".
4. Kunokuqhagamshelwana naba bantu balandelayo ukufumana uncedo ngokufaka iinkcukacha zakho nangenkqubo yokuzisayinela (sign off process):

Vuyelwa Madasi (ifoni 021 467 2108), okanye idilesi ye-imeyili
Vuyelwa.Madasi@westerncape.gov.za

Noncedo Mbali (ifoni 021 467 2142) okanye idilesi ye-imeyili
Noncedo.Mbali@westerncape.gov.za

Kashiefa Sedien (Ifoni 021 467 2553) okanye idilesi ye-imeyili
Kashiefa.Sedien@westerncape.gov.za

5. Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, mayigqitywe inkqubo yokusayinelwa kwazo.
6. Ziya kwenziwa zifumaneke iinkcukacha eziqokelelweyo ngeencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko kumagosa ezithili achaphazelekayo, ngokungena ku-EduInfoSearch, yaye kuya kuba luxanduva lwawo ukuququzelela nokulungiselela ukusiwa nokuthathwa kweencwadi zomsebenzi apho kukho ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:03:07