1. Kuvunyiwe ukunyuswa kwezi bhasari zilandelayo ukususela nge-01 Apreli 2017:
1.1 Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda ezihostele ehlawulelwa abafundi abasweleyo abasezihostele kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo inyusiwe ukusuka kwi-R7 767.00.00 ukuya kwi-R8 349,00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
1.2 Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda kwiindawo zabucala kunye neebhasari zezothutho ezihlawulelwa abafundi abasweleyo kwiZithili i-West Coast, i-Cape Winelands, i-Eden & Central Karoo ne-Overberg, inyusiwe ukusuka kwi-R1 811.00 ukuya kwi-R1 916,00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

Qaphela: Zonke ezi bhasari zilapha ngasentla zibalwa ngokungqinelana novavanyo lobungakanani beemfuno (means test) oluvunyiweyo (makufundwe iNgcaciso eMfutshane ye-IMGP 0016/2011) neekhrayitheriya ezimiselweyo ezicaciswe (kwiSetyhula 0143/1998 ye-6 Novemba 1998 neSetyhula 0029/2001 ye-13 Matshi 2001.


2. Kukwavunyiwe kwakhona ukunyuswa kwezi nkxaso-mali (subsidies) zabasebenzi zilandelayo ukususela nge-01 Apreli 2017:
2.1 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-201, ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi beenkonzo eziqhelekileyo, inyusiwe ukusuka kwi-R520.00 ukuya kwi-R550.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.2 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi elingaphantsi kwabafundi abayi-50 abahlala ehostele ukwenzela ukuqesha oomabhalane, inyusiwe ukusuka kwi-R7 767 00 ukuya kwi-R8 349.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.3 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zeecawa okanye kwezabucala ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi beenkonzo zokucoca, inyusiwe ukusuka kwi-R1 815.00 ukuya kwi-R1 920,00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

3. Kucelwa wazise okukule setyhula amalungu ebhunga lolawulo nabo bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:02:17