1. Le setyhula imele ukufundwa neSetyhula 0033/2016.
2. Ngokungqinelana neSahluko 3, kwisiqendu 20(1)(g) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996, (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act (SASA)), 1996 (Act 84 of 1996), ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente maliphathe yaye malilawule iprophathi yesikolo, izakhiwo nemihlaba isikolo esikuwo, kuqukwa iihostele zesikolo, kodwa ukusetyenziswa kwala magunya makungaphazamisani okanye kuthintele nangayiphi na indlela ukuphunyezwa kwesigqibo esenziwe liLungu leBhunga leSigqeba okanye yiNtloko yeSebe ngokumalunga nawo nawuphi na umthetho okanye umgaqo-nkqubo.
3. Kwimeko yongxamiseko okanye ngexesha lobunzima, kuya kuqhagamshelwana nenqununu ukuququzelela amalungiselelo nokusetyenziswa kwezakhiwo nemihlaba yesikolo. Ngokumalunga noku, iinqununu zimele ukuqinisekisa ukuba iinkcukacha zazo zoqhagamshelwano ziyalungiswa ku-General Information kwi-CEMIS apha: https://cemis.pgwc.gov.za.
4. Njengoko nisazi, iNtshona Koloni inengxaki YOKUSHOKOXEKA KWAMANZI yaye nakuba kuncitshisiwe ukusetyenziswa kwamanzi kweli phondo, amaqondo amadami aya esihla ngokukhawuleza nangokugqithisileyo. Apho kukho imfuneko yokuhanjiswa kwamanzi, zinokusetyenziswa izikolo njengeendawo zokunkinkisha amanzi. Izicwangciso zale nkqubo ziquka ithuba leholide yeKota yesi-4 ka-2017.
5. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo namalungu ebhunga lolawulo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:11:30

"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)