1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe neNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0007/2016 yomhla we-13 Meyi 2016, kwakunye neZaziso zikaRhulumente 1160, 1161 no-1162, ezapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 39435 ye-20 Novemba 2015.
2. UMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko, uwutshitshisile lo mqathango ukwiSetyhula S13 ka-2017, eqhotyoshelweyo yomhla we-24 Novemba 2017.
3. Ukutshitshiswa kwalo mqathango kuya kuqala ukusebenza kwiBakala 10 ngo-2018 njengoko umgaqo-nkqubo ongenako ukuphunyezwa ukususela kumhla osele udlulile. Ngenxa yoko, ukususela ngo-2018 abafundi beBakala 10 abakhetha i-Accounting banokuyidibanisa ne-Mathematics okanye ne-Mathematical Literacy.
4. Oku kutshitshiswa kwalo mqathango kuya kubachaphazela ngolu hlobo lulandelayo abafundi:

2018 IBakala 10 Banokudibanisa i-Mathematics okanye i-Mathematical Literacy kunye ne-Accounting
IBakala 11 Mabafunde i-Mathematics kunye ne-Accounting
IBakala 12 Banokudibanisa i-Mathematics okanye i-Mathematical Literacy kunye ne-Accounting

2019 IBakala 10 May combine Mathematics or Mathematical Literacy with Accounting
IBakala 11 Banokudibanisa i-Mathematics okanye i-Mathematical Literacy kunye ne-Accounting
IBakala 12 Mabafunde i-Mathematics kunye ne-Accounting
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linolwazi ngengxaki yabafundi beBakala 11 bango-2018 yaye libambe iingxoxo neSebe leMfundo esiSiseko ngomnyinyiva (concession) onokwenziwa ukuyilungiselela le meko.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngale ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi bamaBakala 9 no-10 ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:12:04

"Government Gazette No. 39435"  (ubukhulu: 4 550 KB)
"DBE Circular S13 of 2017"  (ubukhulu: 197 KB)