1.1 |
UMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko, uNks AM Motshekga, ubhengeze ukufakelwa kwezilungiso kuxwebhu lwe-PAM nge-12 Februwari 2016 ngokungqinelana nesiqendu 4 soMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) owamisela waza wazinzisa imimiselo nemiqathango yengqesho yootitshala. |
1.2 |
Niyacelwa niqwalasele umhlathi 4.1 no-4.2 weSetyhula 0037/2013, ecacisa inkqubo emayilandelwe xa utitshala osenkonzweni kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) anqwenela ukufaka isikhalazo, njengoko kucacisiwe kwi-PAM. |
1.3 |
Le setyhula icacisa inkqubo yezikhalazo yootitshala ehlaziyiweyo ngokungqinelana nezilungiso ezifakelwe kuxwebhu lwe-PAM |
2. |
INJONGO
Injongo ephambili kukomeleza inkqubo yezikhalazo kwimfundo karhulumente ngokukhuthaza:
- ukusingathwa kwezikhalazo ngokukhawuleza, kungakhethwanga cala nangokulinganayo;
- ubudlelane obuhle emsebenzini;
- ukusonjululwa kwesikhalazo somqeshwa ngamnye kwelona nqanaba lisezantsi linokubakho apha kwisebe; kwakunye
- nokuthintela iingxabano.
|
3. |
UKUFAKELWA KWEZILUNGISO KWINKQUBO YEZIKHALAZO |
3.1 |
Isilungiso sokuqala esingundoqo lutshintsho kwizahluko, (chapters) ukuqalela kwiSahluko H ukuya ku-G kuxwebhu lwePAM. |
3.2 |
Okwesibini, nawuphi na utitshala onesikhalazo sokuphatheka kakubi, makalandele, kwixa elizayo, inkqubo engamiselwanga (informal route) (isikhalazo) ngokuthethana nesuphavayiza emphetheyo kunye/okanye nomphathi ochaphazelekayo ngokunganeliseki kwakhe, okanye makasebenzise ifom emiselweyo asibhale phantsi isikhalazo eso. IFom yeSikhalazo (IsiHlomelo A) iqhotyoshelwe apha ukulungiselela wena. |
4. |
UKUJONGANA NEZIKHALAZO |
4.1 |
Inqanaba elingamiselwanga (isikhalazo) |
4.1.1 |
Le yinkqubo engamiselwanga yaye ayinamkhethe kumaqela achaphazelekayo nokuba ngawaphi na. |
4.1.2 |
Bayakhuthazwa ootitshala ukuba balandele inkqubo engamiselwanga (complaint) ngokuthethana nentloko yeziko/nomphathi ochaphazelekayo phambi kokufakwa kwesikhalazo ngokumiselweyo. |
4.1.3 |
Makwenziwe imigudu ngokunyanisekileyo yintloko yeziko/ngumphathi ochaphazelekelayo ngodliwano-ndlebe olwenziwa ngomlomo (oral interview). Ngethuba lale nkqubo akukho zirekhodi ziya kugcinwa ngokuthe kwaxoxwa ngako. |
4.1.4 |
Akuvumelekanga ukuba kubekho ongummeli kweli nqanaba, kodwa nakuba kunjalo, utitshala unokucela umakhi-mkhanyo (observer). |
4.1.5 |
Ziyakhuthazwa iintloko zamaziko/abaphathi abachaphazelekayo ukuba bayigqibe le nkqubo zingadlulanga iintsuku zomsebenzi eziyi-10 zakuba zisifumene isikhalazo. |
4.1.6 |
Injongo yoku kukomeleza nokujongana ngokuyimpumelelo nale nkqubo yezikhalazo ukuthintela ukufakwa kwesikhalazo okumiselweyo. |
4.2 |
Inqanaba elimiselweyo |
4.2.1 |
Le yinkqubo emiselweyo yaye isikhalazo siyabhalwa phansti kukho nentloko yeziko/nomphathi ochaphazelekayo ngokusebenzisa i-Fom yeSikhalazo (Grievance Form) (IsiHlomelo A), zingadlulanga iintsuku eziyi-90 ukususela kulo mhla utitshala athe wanolwazi ngawo ngesenzo eso okanye ngalo mposiso ithe yamchaphazela ngokungalunganga. |
4.2.2 |
Amaxesha amisiweyo amele ukubalwa ngokuthi lungabandakanywa usuku lokuqala kodwa lubandakanywe usuku lokugqibela. |
4.2.3 |
Ukuba utitshala akonelisekanga ngesiphumo ekubhekiswa kuso kumhlathi G.4.2 we-PAM, lowo ufake isikhalazo unokuwuthumela lo mbandela ngencwadi ebhaliweyo, ngesandla okanye ngencwadi ebhalisiweyo, kunye nesigqibo sentloko yeziko/somphathi ochaphazelekayo, ngokwalo meko kuyiyo, kwiNtloko yeSiphaluka/ yeSithili (Regional/District Head of Education) kwimeko katitshala osesikolweni, okanye kwi-ofisi ekubhekiswa kuyo kumhlathi G.4.2.4 we-PAM kwimeko katitshala ongaphandle esikolweni, zingadlulanga iintsuku zomsebenzi ezintlanu zokungaphumeleli kwamaqela achaphazelekayo ukusisombulula isikhalazo. |
4.2.4 |
Injongo yoku kukomeleza nokujongana ngokuyimpumelelo nale nkqubo yezikhalazo ukuthintela ingxabano. |
5. |
Isikhokelo esingokuzaliswa kweFom yeSikhalazo (Grievance Form) (Annexure A) |
5.1 |
Le fom mayisetyenziselwe ukufaka isikhalazo esisemthethweni (kungabandakanywanga isityholo sokugxothwa ngokungenabulungisa (an alleged unfair dismissal) xa utitshala engonelisekanga sisenzo okanye yimposiso ethile athe akabinakho ukuyisombulula loo ngxaki kwithuba lenqanaba lesikhalazo. |
5.2 |
Kufuneka utitshala asifake isikhalazo sakhe zingadlulanga iintsuku eziyi-90 ukususela kuloo mhla athe wanolwazi ngawo ngesenzo eso okanye ngalo mposiso ithe yamchaphazela ngokungalunganga. |
5.3 |
Utitshala unokuncediswa okanye amelwe ngomnye utitshala ongugxa wakhe kunye/okanye ngummeli wakhe kunye/okanye ligosa lombutho wabasebenzi owaziwayo (a recognised trade union). |
5.4 |
Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba izaliswe ngokuchanekileyo yonke ingcaciso. Yakuba izalisiwe ifom, mayinikwe intloko yeziko/umphathi ochaphazelekayo owalathelwe ukuququzelela inkqubo yezikhalazo kwiziko akulo utitshala lowo. ISebe iWCED liya kuyiqhoboshela le fom kumaxwebhu ezikhalazo yaye iya kusetyenziswa kuzo zonke izigaba zenkqubo yezikhalazo. |
5.5 |
Njengokuba intloko yeziko/umphathi ochaphazelekayo ezama ukusombulula isikhalazo kwisigaba ngasinye, iqela ngalinye elichaphazelekayo, liya kuzalisa icandelo lefom elifanelekileyo. Utitshala uya kunikwa ithuba lokuphendula kwikhomenti nganye. |
5.6 |
Kwakugqitywa isigaba ngasinye senkqubo yezikhalazo, intloko yeziko/umphathi ochaphazelekayo uya kunika utitshala ikopi yefom ezaliswe ngokupheleleyo. |
5.7 |
Sakuba sisonjululwe isikhalazo, akukho mfuneko yokuba utitshala alizalise icandelo lefom eliseleyo. |
5.8 |
Bayacelwa ootitshala bazalise i-Candelo A no-B (Parts A and B) kule fom baze bayingenise emva koko kwintloko yeziko/kumphathi ochaphazelekayo, ngokwaloo meko kuyiyo kwiziko/kwi-ofisi leyo. Intloko yeziko/umphathi ochaphazelekayo, ngokwaloo meko kuyiyo, uya kufaka isignitsha yakhe kwibloko engezantsi kweCandelo (Part) B kule fom ukubonisa ukuba samkelwe isikhalazo. Utitshala makaqinisekise ukuba uyayifumana ikopi yale fom apho kuvunywe khona ukuba sifunyenwe isikhalazo sakhe. |
5.9 |
ICandelo (Part) C leFom yeSikhalazo liya kuzaliswa yintloko yeziko/ngumphathi ochaphazelekayo, ngokwaloo meko kuyiyo, yaye utitshala ofake isikhalazo uya kunikwa ikopi ngethuba lezigaba ezahlukeneyo ekuya kwenziwa ngazo iinzame zokusisombulula isikhalazo. |
6. |
Uyacelwa uqaphele ukuba iiFom zeZikhalazo ezingazaliswanga ngokupheleleyo aziyi kufakwa kwikhompyutha (captured), okanye zibhaliswe yaye akunakwenziwa nophando ngesikhalazo. |
7. |
Ukuqinisekisa ukuthotyelwa kwemimiselo nemithetho esebenzayo, ziyakhuthazwa ngamandla iiNtloko zaMaziko/aBaphathi abachaphazelekayo ukuba babambelele mbo kumaxesha amisiweyo acaciswe kwi-PAM yaye mabasebenzise esi sikhokelo sicaciswe kwiziHlomelo B no-C, ukuququzelela nokusombulula inkqubo yezikhalazo. |
8. |
lCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini limele ukwaziswa ngesiphumo sesikhalazo, yaye masibe nawo onke amaxwebhu ayimfuneko, zingadlulanga iintsuku ezintlanu zokugqityezelwa kwesikhalazo kwinqanaba lesithili. |
9. |
Apho utitshala aziva ephatheke kakubi ngokumalunga nesicelo sakho sekhefu lokungaphili okwethutyana (application for temporary incapacity leave) (ngokungqinelana noMgaqo-nkqubo i-Policy on Incapacity Leave and Ill-Health Retirement (PILIR)) kunye/okanye amalungelo avela kwinkonzo abandakanya, kodwa engaphelelanga kwimivuzo, iibhonasi nezibonelelo, imibuzo elolu hlobo mayibhekiswe kumphathi ochaphazelekayo kwaNdlunkulu. |
10. |
Kufuneka iintloko zamaziko/abaphathi abachaphazelekayo bazise bonke abasebenzi ngokuqulethwe yile setyhula okumalunga nezilungiso ezifakelwe kwinkqubo yezikhalazo esebenza kootitshala. |
11. |
Bonke ootitshala abatsha bamele ukuba bayaziswa ngokukhawuleza ngale setyhula ngokukhawuleza bakuba beqeshiwe nakweliphi na iziko kumaziko emfundo eSebe iWCED. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:11:18
|
|