1. Kucelwa wazi ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ligqibile ukwenza ikhontraki entsha (B/WCED 2381/16) yokuthengwa nokusiwa kwezinto zokubhala zase-ofisini kwithuba elisusela kwi-01 Oktobha 2017 ukuya kwi-30 Septemba 2020. Ikhontraki emiyo (B/WCED 2271/14) iya kuphelelwa nge-30 Septemba 2017.

2. Ziya kwenziwa apha ii-odolo zezinto eziboniswe kule khathalogu iqhotyoshelweyo:

Masiqhame Trading 1057 CC
4 Postern Way
EDGEMEAD
7441
Ifoni:
Umntu ekuqhagamshelwana naye:
021 558 9947/ 079 782 5343
Nks G Daniels

Fumana apha kuqhotyoshelwe ikhathalogu ebonisa izinto ezikhoyo kwikhontraki ezikhankanywe ngentla kunye nexabiso lento nganye. La maxabiso adibanisa ukusiwa kwezinto kwii-ofisi nakwizikolo ezichaphazelekayo.


3. Le khontraki ayenzi sibonelelo sokuthengwa nokusiwa kwamaphepha okufotokopa neekhatriji zeprinta. Amaphepha nezinye izinto ezingekhoyo kwiikhathalogu yezinto zokubhala ziya kuthengwa ngeekoteyishini ezicelwe ngesistim yasekhompyutheni i-Integrated Procurement Solution (IPS). Nakuba kunjalo, ikhontraki yeSITA (RFB 2007/205) yenza isibonelelo sokuthengwa kwezi ndidi zilandelayo zeekhatriji zokuprinta:

  1. HP
  2. Fujitsu
  3. Canon(P)
  4. Zebra
  5. Brother
  6. Lexmark
  7. Toshiba

Abaphathi abajongene nesitokhwe (responsibility managers) mabaqinisekise ukuba inombolo yekhontraki efanelekileyo ibhaliwe kwirikhwizishini yeekhatriji ukwenzela ukuze ibe nokufakwa kwifom yoku-odola. Naziphi iikhatriji ezingabhalwanga mazithengwe kusetyenziswa isistim yasekhompyutheni i-IPS. Ii-ofisi ezisingethe ii-odolo ziya ufumana uluhlu olwahlukileyo lwabathengisi (vendors) beekhatriji ezidwelisiweyo.


4. Makuthathwe la manyathelo alandelayo uku-odola izinto zokubhala:

  1. Zalisa ifom i-LOG 1 requisition form
    1. Kwikholam yenkcazelo, bhala uthi "supply stationery as per attached lists".
    2. Faka inombolo yekhontraki (B/WCED 2381/16) ngezantsi kwale nkcazelo ingentla (kude kuyokuba nge-30 Septemba 2017, makusetyenziswe inombolo yekhontraki B/WCED 2271/14);
    3. Qhoboshela uluhlu lokuziimfuno kwifom yerikhwizishini uqinisekise ukuba izinto ezibhalwayo azigqithi kwimigca elishumi. Ukuba kufuneka izinto ezingaphezulu kwemigca elishumi, makungeniswe ifom yerikhwizishini ezimeleyo;
    4. Yenza isicelo sezinto ezingekhoyo kwikhontraki ezimeleyo.

  2. Qhoboshela i-PGWC 002 BAS Allocation Attachment form kwifom yerikhwizishini uchaze ibhajethi efumanekayo yezinto emazithengwe.

  3. Sebenzisa i-MS Office Excel version kwikhathalogu efanelekileyo (eya kuthunyelwa ngekhompyutha kumaGosa oQhagamshelwano naBathengi naBathengisi ii-SCM Champions) ukumisela iindleko zerikhwizishini nganye.

  4. Ukukhetha izinto ezifunekayo kwiikhathalogu ezifanelekileyo, makuthathwe la manyathelo alandelayo:
    1. Sebenzisa ii-"filters" esele zikhona kwi-MS Office Excel spreadsheet.
    2. Hlela (filter) nge-"item name" okanye nge-"commodity".
    3. Bhala phantsi inani elifunekayo. I-MS Office Excel spreadsheet iya kubala ngokuzenzekelayo ixabiso lokuthengwayo. Lo myinge mawuchazwe mawubhalwe kwifom eyodwa i-PGWC 002 BAS Allocation Attachment form.
    4. Printa okukhethiweyo, kuqukwa netotali yexabiso yaye uziqhoboshele kwifom yerikhwizishini ngokuka-(a) (iii) ngentla.
5. Ikomiti i-LTSM Project Team kwiCandelo lokuXhasa amaZiko ngeziBonelelo iya kwenza i-odolo yezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 yaye ngokufanayo yazise izikolo malunga nobukho bekhontraki entsha neenkqubo zoku-odola.

6. Kunokuqhagamshelwana noNks Amanda Higa ku-021 467 2812 ukufumana uncedo ngokuzaliswa kweerikhwizishini.

7. Kucelwa uqaphele ukuba kuphela ngamagosa agunyazisiweyo eeyunithi ezijongene noKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo (Supply Chain units) ee-ofisi ezichaphazelekayo anokufaka ii-odolo kubathengisi kwanokuqinisekisa ukuthotyelwa kwemiqathango ekwi-Institutional Instruction No. 10/2013 (makuqatshelwe ukuzaliswa ngokupheleleyo kwamaxwebhu okuthenga iimpahla/iinkonzo).

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:30

"Addendum A: Stationery"  (ubukhulu: 126 KB)
"Addendum A: Cleaning"  (ubukhulu: 38 KB)