1. Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zokuXabangela zeMatriki zikaFebruwari - Matshi wama-2017.

2. Iimviwo zokuXabangela ze-NSC zicwangciselwe ukuqala ngowe-22 Februwari 2017 zize zigqitywe ngowe-30 Matshi 2017.

3. Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa ziya kuqala ngo-09:00 ukuze ezasemva kwemini ziqale ngo-14:00.

4. Kuya kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo eziziisekondari nakumanye amaziko njengoko kumiselweyo liSebe leMfundo.

5. Ngabagadi bangaphandle babaviwa ababebandakanyeke ekuqhutyweni kweemviwo zikaNovemba 2016 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke abaya kusetyenziswa ekugadeni olu viwo, njengoko kukhankanyiwe kwiimvumelwano zabo ezisayiniweyo. Umgadi wabaviwa oneqhuzu wango2016 uyakusebenza njengomgadi oyintloko koluviwo lokuxabangela lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke sango-2017.

6. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
6.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo, njl. njl.
6.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
6.3 Ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (an irregularity).
6.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.

7. Iifom zokubhalisela iimviwo zokuxabangela zaathunyelwa kubo bonke abaviwa abakulungeleyo ukuhlalela iimviwo.

8. Ithayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zokuXabangela zeMatriki zikaFebruwari - Matshi wama-2017 iyafumaneka kula maziko ewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED): http://wced.school.za/circulars/index-circmins.html kwakunye naku http://bit.ly/1cYaoAF


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:01:24

"February - March 2017 Final NSC Supplementary Examination Timetable"  (ubukhulu: 56 KB)