1. |
Iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zilawulwa yaye ziqhutywa ngokwemimiselo i-Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 37651 nge-16 Meyi 2014. |
2. |
Nakuphi ukutenxa okanye ukwaphulwa kwale mimiselo ngabaviwa, ootitshala okanye abagadi babaviwa kungakhokelela ekubeni iziphumo zoviwo zaziswe njengezililize nezingasebenziyo (null and void). |
3. |
ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) laye lacela, kwiSetyhula E19 ka-2017 neSetyhula E21 ka-2017 ngokulandelelanayo, ukuba abaviwa ababhalisele iimviwo ze-NSC basayine imvumelwano yokuzibophelela nesithembiso sokuthotyelwa komgaqo wokuziphatha woviwo. |
4. |
Kucelwa bonke abafundi nabazali okanye abagadi babo basayine iMvumelwano yokuZibophelela (isiHlomelo A) phambi kokuba iimviwo ziqale. |
5. |
Le mvumelwano mayibuyiselwe esikolweni yaye ifakwe kwifayili ukwenzela ixesha elizayo. Ezi rekhodi kuvumelekile ukuba zinokulahlwa emva kweenyanga ezintandathu. |
6. |
IMvumelwano yokuZibophelela (Commitment Agreement) inika uluhlu olucacisiweyo lwemigaqo nemimiselo engeemviwo zeNSC, emayithotyelwe ngabo bonke abaviwa ababhala iimviwo. |
7. |
UMsitho woSayino-sithembiso sokuZibophelela kaZwelonke (National Pledge-signing Ceremony) ucwangciselwe uLwesihlanu, nge-13 Oktobha 2017 ngo-10:00 yaye kucelwa ukuba zonke izikolo ezithatha inxaxheba kwiimviwo zeNSC zibambe indibano enkulu (assembly) apho isithembiso sokuzibophelela sithathwa khona yaye kufundelwe abaviwa imigaqo nemimiselo yeemviwo zeNSC.
|
8. |
Fumana apha kuqhotyoshelwe ikopi yeSithembiso sokuZibophelela seeMviwo lweNSC (NSC Examination Examination Pledge) (isiHlomelo B) esinokusayinwa ngabaviwa beBakala 12. |
9. |
Izikolo mazazise abaviwa ukuba umsitho wosayino-sithembiso sokuzibophelela wenziwa ngokuzithandela (voluntary). |
10. |
Apho kunako ukwenzeka, iifotokopi mazenziwe zezithembiso zokuzibophelela ezisayiniweyo eziya kugcinwa esikolweni njengenxalenye yeerekhodi zesikolo zomviwa ngamnye. |
11. |
Isithembiso sokuzibophelela esingelokhutshelo (original pledge) masiphathwe ngumviwa ngamnye ngethuba leemviwo zeNSC ngo-2017. |
12. |
Kucetyiswa ukuba usayino lwesithembiso sokuzibophelela lunatyiselwe nakubafundi beBakala 10 nakwabeBakala 11 ukuqinisekisa umgangatho ofanayo wokuqhutywa kweemviwo kwisigaba i-Further Education and Training Phase. |
13. |
ISithembiso sokuZibophelela soViwo lweNSC esiqhotyoshelweyo sinokulungelelaniselwa abafundi bamaBakala 10 no-11. |
14. |
Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuqhutywa ngokufanelekileyo koMsitho woSayino-sithembiso kwizikolo zazo. |
15. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu kulo mba intsebenziswano yabaviwa beemviwo zeNSC ngo-2017. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:30
|
|