1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lize ne-School Emergency Maintenance Management Information System (SEMMIS) eyisistim yasekhompyutheni ekwiCentral Education Management Information System (CEMIS).
2. I-SEMMIS iya kuthatha indawo ye-WCED 004 form esetyenziselwa ukuripota iikheyisi zezicelo zolondolozo ezingxamisekileyo kwaNdlunkulu.
3. Ukususela nge-01 Oktobha 2017, kucelwa izikolo zifake ekhompyutheni izicelo zezilungiso zolondolozo ezingxamisekileyo zisebenzisa i-aplikheyishini yeSEMMIS ekwiCEMIS.
4. Kuya kunikwa imiyalelo kwiqonga leCEMIS ngendlela izikolo emazifake ekhompyutheni yaye zisayinele ngayo izicelo zolondolozo ezingxamisekileyo.
5. Izikolo kuya kufuneka zisebenzise iimali zolwabiwo zazo zemimiselo nemigangatho (N&S) funds kuzo naziphi izilungiso zolondolozo ezingxamisekileyo ezinganeno kwe-R10 000. Kubaluleke kakhulu ke ngoko ukuba izikolo zizilawule ngociciyelo iimali zazo zeN&S ukuqinisekisa ukuba zikhona iimali ezaneleyo zezo zilungiso zingxamisekileyo.
6. Kunokuqhagamshelwana nalo mntu ulandelayo xa kungenzeka kufuneke uncedo ngethuba lokufakwa kwengcaciso ekhompyutheni:

Nicholas Sutcliffe (ifoni: 021 467 2568) okanye kuthunyelwe ngedilesi ye-imeyili Nicholas.Sutcliffe@westerncape.gov.za.

7. Kucelwa wazise okukule setyhula wonke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:28