1. |
Ulwabiwo-mali kwiBakala R
|
1.1 |
Ukufikelela kwingcaciso
Iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokwemimiselo nemigangatho (N&S allocation) yolwabiwo-mali yeBakala R kunyaka-mali oqala ngowe-01 Apreli 2018 ukuya kwi-31 Matshi 2019 ziyafumaneka kwi-CEMIS yaye zingafikelelwa ngale ndlela ilandelayo:
- Loga kwi-CEMIS.
- Klikha ku-"Proceed" uze ukhethe u-"Administration" kwi-menu bar, uze uklikhe ku-"Norms and Standards Allocation" uze ukhethe u-"N&S 2018".
- Printa ikhasi elo.
Kucelwa uqwalasele oku kulandelayo:
Ulwabiwo lweemali lwenziwa ngokweMimiselo neMigangatho kaZwelonke i-National Norms and Standards for Grade R Funding, efakelwe izilungiso kwi-Gazethi kaRhulumente No. 29179 ye-31 Agasti 2006.
Ileta yesabelo senkxaso-mali ibandakanya iinkcukacha zesabelo esiqikelelweyo sonyaka-mali 2018/19, kwakunye nezabelo zethutyana (provisional allocations) zoonyaka-mali ababini abalandelelanayo, o.k.t. u-2019/20 no-2020/21.
Zonke izabelo zabalwa ngokwamanani obhaliso lwabafundi kwi-CEMIS.
|
1.2 |
Ukubalwa kwesabelo senkxaso-mali yeBakala R
Kuvunyiwe ukuhlawulwa kwezi nkxaso-mali zilandelayo zabafundi abakwiiklasi zeBakala R ezivunyiweyo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nabakumaziko abhalisiweyo ophuhliso lwemfundo yabafundi abasaqalayo nakumaziko azimeleyo ukususela ngowe-01 Apreli 2018: |
1.2.1 |
Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo (zonke izikolo ezilawulwa ngurhulumente ezifundisa iBakala R):
Inkxaso-mali ngomfundi ngamnye (Per capita subsidy):
I-National Quintile (NQ) |
Imeko yeefizi yeziko/yesikolo |
Isixa esihlawulwa ngomfundi ngamnye ngosuku |
NQ1–NQ5 |
Elingabizi zifizi |
R 27 |
NQ4 |
Elibiza iifizi |
R 20 |
NQ5 |
Elibiza iifizi |
R 19 |
Isixa sesabelo-mali sezibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa (LTSM): Kwizikolo ezingabizi zifizi, kuhlawulwa isixa esiyi-R2 124 ngenyanga ngeklasi nganye efundiswa ngutitshala/yipraktishina nganye ehlawulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED).
Esona sixa sesabelo-mali sisezantsi: Zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinabafundi abangaphantsi kwabayi-25 zinelungelo lokufumana inkxaso-mali eyeyona isezantsi eyi-R128 412 ngonyaka.
|
1.2.2 |
zikolo eziziipri-prayimari zikarhulumente:
Isikolo ngasinye esiyipri-prayimari karhulumente siya kufumana kuphela isabelo-mali se-N&S esiyi-R19 ngomfundi ngamnye ngosuku ngosuku ngalunye. |
1.2.3 |
Amaziko azimeleyo (zonke izikolo ezilawulwa ngamaqumrhu abucala ezifundisa iBakala R):
Inkxaso-mali ngomfundi ngamnye (Per capita subsidy):
I-National Quintile (NQ) |
Imeko yeefizi yeziko/yesikolo |
Isixa esihlawulwa ngomfundi ngamnye ngosuku |
NQ1–NQ5 |
Elingabizi zifizi |
R 27 |
NQ4 |
Elibiza iifizi |
R 20 |
NQ5 |
Elibiza iifizi |
R 19 |
Kubalulekile ukuqaphela ukuba:
- Bonke abafundi beBakala R mabafakwe/mababhaliswe kwi-CEMIS;
- Umfundi weBakala R ngamnye makabe ukwiklasi yeBakala R; nokuba
- utitshala/ipraktishina yeBakala R mayibe uyinxenye yeklasi nganye yeBakala R.
Kusemva kokuba kwenzekile oku kungentla, apho kunokungeniswa ibango lentlawulo yenkxaso-mali yeBakala R.
|
2. |
Amabango enkxaso-mali yeBakala R neentlawulo |
2.1 |
Njengenkqubo eyenzeka okoko, amabango enkxaso-mali yeBakala R makangeniswe zizikolo/ngamaziko ngokuqala kugqithwe kwi-CEMIS ngale ndlela ilandelayo:
- Loga kwi-CEMIS.
- Klikha ku-"Proceed" uze ukhethe u-"Administration" kwi-menu bar uze uklikhe ku- "Gr R Subsidy".
- Khetha u-"Submit Application".
Uyacelwa uzalise amacandelo achaphazelekayo afunekayo uze uluprinte uxwebhu lwebango lenkxaso-mali yesikolo ukwenzela injongo yokugcinwa kweerekhodi emva kokuba ibango lingenisiwe. Ibango lenkxaso-mali lesikolo liya kungeniswa ngekhompyutha kwi-ofisi yesithili echaphazelekayo. Akukho manyathelo angamanye aya kufuneka esikolweni.
Uyacelwa ufunde i-Grade R Subsidy Claim Application System User Manual ukufumana isikhokelo samanyathelo ngamanyathelo malunga nokungenisa ibango lenkxaso-mali ngokuyimpumelelo.
Ziintsuku eziyi-200 zizonke ngonyaka wokufunda eziya kusetyenziswa ekubaleni inkxaso-mali, yaye i-50% yesabelo iya kuhlawulwa ngethuba lesixa sesavenge sika-Apreli ukuze i-50% eseleyo ihlawulwe ngethuba lesixa sesavenge sika-Oktobha.
|
2.2 |
Amaxesha amisiweyo
Imihla yenkqubo ka-2018:
Isixa sesavenge sango-Apreli (IKota 2 no-3 zonyaka wesikolo ka-2018)
Umhla |
Okuqhubekayo |
02 Matshi 2018 |
Kuvulwa i-CEMIS ukwenzela ukungenisa amabango |
16 Matshi 2018 |
Umhla wokugqibela wokungeniswa kwamabango zizikolo/ngamaziko azimeleyo
Kucelwa uqaphele: Amabango akanakungeniswa ukwenzela ukuba ahlawulwe emva kwalo mhla. |
13 Apreli 018 |
Ii-ofisi zezithili zigqiba iinkqubo zeengcebiso nezokuvunywa kwamabango kwi-Eduinfosearch zize zilisayinele ibango ngalinye. |
14 Meyi 2018 |
Umhla wokugqibela wentlawulo yenkxaso-mali kwizikolo/kumaziko |
Isixa sesavenge sika-Oktobha (Ikota 4 yonyaka wesikolo ka-2018 neKota 1 yonyaka wesikolo u-2019)
Umhla |
Okuqhubekayo |
03 Septemba 2018 |
Kuvulwa i-CEMIS ukwenzela ukungenisa amabango |
14 Septemba 2018 |
Umhla wokugqibela wokungeniswa kwamabango zizikolo/ngamaziko azimeleyo
Kucelwa uqaphele: Amabango akanakungeniswa ukwenzela ukuba ahlawulwe emva kwalo mhla. |
12 Oktobha 2018 |
Ii-ofisi zezithili zigqiba iinkqubo zeengcebiso nezokuvunywa kwamabango kwi-Eduinfosearch zize zilisayinele ibango ngalinye. |
16 Novemba 2018 |
Umhla wokugqibela wentlawulo yenkxaso-mali kwizikolo/kumaziko |
|
2.3 |
Okuqhubekayo kwibango
Kunokulandelelwa okuqhubekayo kwiCEMIS kwibango ngale ndlela ilandelayo:
- Loga kwi-CEMIS.
- Klikha ku-"Proceed" uze ukhethe u-"Administration" kwi-menu bar uze uklikhe ku-"Gr R Subsidy".
„h
- Khetha u-"Claim status".
|
3. |
Izikolo ezingabizi zifizi ezifundisa iBakala R
Izikolo ezingabizi zifizi ezifumana inkxaso-mali yeBakala R kuRhulumente azivumelekanga ukuhlawulisa ifizi zesikolo kubafundi beBakala R (makufundwe uxwebhu i-National Financial Management Guidelines in Respect of Schools Offering Grade R Classes, October 2009, kwikhasi 4).
Abazali basengacelwa benze igalelo ngokuzithandela (voluntary contributions). Ezi ntlawulo azinyanzelekanga yaye akuvumelekile ukuba zisetyenziselwe ukuvalela ngaphandle abafundi abanabazali abangenako ukwenza igalelo elilolu hlobo. |
4. |
Ukusetyenziswa kwesabelo senkxaso-mali yeBakala R |
4.1 |
Umvuzo katitshala/wepraktishina yeBakala R
Kukhunjuzwa izikolo ootitshala/iipraktishina zeBakala R kuzo zonke izikolo, ukuba mazifumane isixa esipheleleyo esiyi-80% esisabelo senkxaso-mali nesihlawulwa ngomatshini kabini ngonyaka.
Amabhunga olawulo ezikolo ze-NQ4 no-NQ5 makawongeze umvuzo katitshala/wepraktishina yeBakala R ukwenzela ukuba utitshala/ipraktishina ifumane isixa esingaphezulu kwesona sixa somvuzo sisezantsi se-R8 577 ngenyanga.
Ootitshala/iipraktishina zeBakala R kwizikolo ezingabizi zifizi zinelungelo lokufumana isixa esipheleleyo esiyi-80% senkxaso-mali. |
4.2 |
Izibonelelo zokuxhasa ukufunda nokufundisa (LTSM)
I-10% yenkxaso-mali yabelwa i-LTSM kubandakanywa i-LTSM esetyenziswa ngaphakathi nangaphandle eklasini, elungiselelwe abafundi beBakala R. |
4.3 |
Iindleko zokwenza umsebenzi
Enye i-10 % yenkxaso-mali yabelwa ukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo (utility accounts) zesikolo ezifana neentlawulo zeefoni, ii-akhawunti zamanzi nezombane, oomatshini bokufotokopa nokuprinta, izinto zokucoca nokulondoloza iiklasi zeBakala R, nazo naziphi ezinye iinkonzo ezifunwa ngootitshala/ziipraktishina zeBakala R. |
5. |
Iimfuno zokunika ingxelo
Makulandelwe iimfuno ezimiselweyo zokunika ingxelo eziqhelekileyo njengoko zixeliweyo zii-ofisi zezithili, ukuqalisa ukwenza intlawulo yenkxaso-mali elandelayo. |
6. |
Iileta zesabelo-mali sokugqibela
Iileta zezabelo zokugqibela (ezisuselwa kumanani obhaliso esaveyi ye-SNAP (ngokusekelwe kumanani obhaliso eSaveyi yeSNAP) ziya kupapashwa kwi-CEMIS ungadlulanga owe-16 Matshi 2018. |
7. |
Iinombolo zoqhagamshelwano xa unemibuzo
Kucelwa uqhagamshelane nomlawuli weCEMIS wesithili malunga nemibuzo enge-CEMIS kunye nomphathi we-ECD ochaphazelekayo malunga nemibuzo engenkxaso-mali yeBakala R.
Umbandela |
Igama |
Inombolo yefoni |
Isabelo seenkxaso-mali zeBakala R Imibuzo ngokubanzi |
Nks N Ncede Nks M Munnik Mnu S Ruka |
021 467 2071 021 467 2196 021 467 2657 |
Iintlawulo ezenziwe ngoomatshini eziya ezikolweni neminye imibuzo emalunga nenkxaso-mali yeBakala R (Ulwabiwo lwe-N&S) |
Qhagamshelana noMphathi we-ECD ochaphazelekayo kwisithili. |
Imibuzo emalunga neCEMIS |
Qhagamshelana nomlawuli weCEMIS ochaphazelekayo kwisithili. |
|
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:30
|
|