1. |
Ukuhlaziywa kwamanani ezithuba ezabelwe izikolo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kuzo zonke izikolo zikarhulumente ukulungiselela ithuba elisusela nge-01 Apreli 2018 ukuya kwi-31 Matshi 2019, kwakwenziwe ngokungqinelana nemimiselo nemigangatho evunyiweyo. |
2. |
Oku kuhlaziywa sele kukhankanywe apha ngaphambili kwenziwa ngokwale migqaliselo ilandelayo:
- ukugcina uzinzo ezikolweni ukwenzela u-2018;
- ukumisela ukuchaphazeleka kwemeko yezemali kukwandiswa kwesabelo-mali sabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente ngokungqinelana nesabelo sebhajethi sango-2018/19 senkqubo-sikhokelo senkcitho yethuba eliphakathi (medium term expenditure framework); kunye
- nokuhlenga-hlengiswa kwesabelo-mali sabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kwizikolo eziphulukene nabafundi, okufuna ukulungelelaniswa kwesabelo-mali sabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kwimimiselo nemigangatho evunyiweyo.
|
3. |
Ngenxa yeemeko zezemali ezingumngeni zangoku kwibhajethi yembuyiselo yabaqeshwa yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED), iNtloko yezeMfundo ikuvumile ukugcinwa kwezabelo-mali zabasebenzi benkonzo karhulumente zango-2017/18 kwizikolo ezigcine/ezinyuse amanani abafundi azo kwithuba elisusela nge-01 Apreli 2018 ukuya kwi-31 Matshi 2019. Izikolo ezijongene nokuphulukana nezithuba ngenxa yokuhla kwamanani abafundi, ziya kufumana izabelo-mali ezihlenga-hlengisiweyo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente ukulungiselela ithuba elisusela nge-01 Apreli 2018 ukuya kwi-31 Matshi 2019. |
4. |
Izikolo zikarhulumente ezijongene nokuphulukana nezithuba zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente nge-01 Apreli 2018 nezinabaqeshwa bemvumelwano (contract employees) kwizithuba ezichaphazelekayo azinako ukuzandisela elinye ixesha iimvumelwano zabaqeshwa abachaphazelekayo, kude kube ngaphaya kwe-31 Matshi 2018. Iinqununu mazibazise abaqeshwa bemvumelwano (contract employees) abachaphazelekayo ungadlulanga owe-30 Novemba 2017, ukuba ngenxa yokupheliswa kwezithuba zabo, iimvumelwano zabo azisayi kwandiselwa ixesha elingaphaya kowe-31 Matshi 2018. |
5. |
Izikolo zikarhulumente ezinokuphulukana nezithuba zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente nge-01 Apreli 2018 nabebekade beqeshwe isigxina kwizithuba ezichaphazelekayo kuya kufuneka kulandelwe inkqubo yabasebenzi abangaphezu kwemfuneko efana naleyo isebenza kootitshala. Bonke abasebenzi abavakaliswe njengabangaphezu kwemfuneko baya kumataniswa yaye bafakwe kwizithuba ezingenabantu kwezinye izikolo. Inkqubo yokumataniswa nokufakwa kwizithuba iya kulawulwa zii-ofisi zezithili. Bonke abaqeshwa abangaphezu kwemfuneko abangenako ukumataniswa nokufakwa kwizithuba, baya kuhlala ezikolweni zabo yaye aziyi kutshintshwa iimeko zabo zengqesho. |
6. |
Xa kunokwenzeka ukuba kubekho izithuba ezisisigxina ezingenamntu, abaqeshwa abangaphezu kwemfuneko baya kuqwalaselelwa ukuqeshwa kuqala ekumatanisweni nasekufakweni kwabo kwizithuba ezilolu hlobo phambi kokuba kunikwe imvume yokuzaliswa kwezithuba zemvumelwano. |
7. |
ISebe iWCED liya kukuvuma ukudalwa kwesithuba somsebenzi onika inkxaso wenkonzo karhulumente ukwenzela ukufakwa komqeshwa (kwabaqeshwa) ongaphezu kwemfuneko kuphela apho isikolo sikarhulumente esiqhelekileyo kunye/okanye isikolo semfundo eneemfuno ezizodwa sisifaneleyo isithuba (izithuba) esongezelelweyo somqeshwa onika inkxaso wenkonzo karhulumente, ngokwemimiselo nemigangatho evunyiweyo, yaye sinaye umqeshwa (abaqeshwa) wenkonzo karhulumente ongaphezu kwemfuneko, novumayo ukufakwa kweso sikolo. |
8. |
Amanani ezithuba ezabelwe izikolo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kwizikolo zikarhulumente ukulungiselela u-2018, aya kupapashwa kwi-CEMIS phantsi ko"Administration" ngowe-29 Septemba 2017. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:23
|
|