1. Ulwabiwo-mali

Iinkcukacha zolwabiwo-mali lwetyhutyana ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali (norms and standards (N&S)) zesikolo sakho esingekho phantsi kwesiqendu 21 zale minyaka mithathu izayo yethuba eliqala nge-01 Apreli 2018 ukuya kwi-31 Matshi 2021, ziyafumaneka kwiCEMIS kwaye zinokufikeleleka ngale ndlela ilandelayo:

  • Logisha kwiCEMIS.
  • Khetha u-"Public Ordinary".
  • Khetha isikolo.
  • Klikha ku-"Proceed" uze ukhethe "Administration" kwi-menu bar uze uklikhe ku-"Norms and Standards Allocation" uze ukhethe u-"N&S 2018/19"
  • Liprinte iphepha elo.

Kucelwa uthathele ingqalelo oku kulandelayo:

1.1 Ulwabiwo-mali lubalwe ngokungqinelana nemigqaliselo ekwimihlathi 108 – 114 yeNational Norms and Standards for School Funding (NNSSF) ekwiGazethi kaRhulumente No. 29179, ye--31 Agasti 2006.
1.2 Ngokomhlathi 114 we-NNSSF, ii-National Table of Targets, epapashwe kwi-Government Notice No. 12, kwiGazethi kaRhulumente No. 40818 ye-28 Apreli 2017, ibonisa izixa ezithagethiweyo ngomfundi ngamnye. Isixa esiqingqiweyo sezikolo ezingabizi zifizi siya kuba yi-R1 316.

Itheyibhili kazwelonke yeethagethi zolwabiwo-mali zezikolo kumaBakala 1 -12 (2018-2020)

  2018 2019* 2020*
NQ1 Ezingabizi zifizi 1 316 1 394 1 471
NQ2 Ezingabizi zifizi 1 316 1 394 1 471
NQ3 Ezingabizi zifizi 1 316 1 394 1 471
NQ4 Ezingabizi zifizi 1 316 1 394 1 471
NQ5 Ezingabizi zifizi 1 316 1 394 1 471
NQ4 Ezibiza iifizi 660 699 737
NQ5 Ezibiza iifizi 228 241 254
I-No-fee threshold 1 316 1 394 1 471
*Amanani ka-2019 no-2020 (kutshintshwe nereyithi yeqondo lokuhla nokunyuka kwamandla emali eqikelelweyo) ngalawo aqikelelweyo eethagethi zikazwelonke njengoko bekucacisiwe.

1.3 Iileta zolwabiwo-mali lweN&S lwethutyana zibalwe ngokusebenzisa amanani obhaliso abafundi eSNAP yoSuku lwe-10 yango-2017.
1.4 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuwajongisisa onke amanani obhaliso abafundi ezikolo kunye neSaveyi yoSuku lwe-10 ngo-2018. Iileta zolwabiwo-mali lokugqibela ziya kupapashwa kwiCEMIS ungadlulanga owe-16 Matshi 2018.

Iimali ezabiwe ngokwale setyhula mazichithwe ungadlulanga owe-31 Matshi 2019.


2. Isicwangciso seentlawulo (WCED 032 Form)

IFom WCED 032 form imele ukusekelwa kulwabiwo-mali lokugqibela, njengoko kukhankanyiwe apha ngentla ku-1.4.

2.1 Izikolo ezibiza iifizi zesikolo

Izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kufuneka, phambi kowe-28 Matshi 2018, zahlule isabelo sazo se-N&S sonyaka-mali ophela nge-31 Matshi 2019 sibe ngokwamahlelo amane akwifom WCED 032 form, angala, iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM), izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases) iinkonzo zikamasipala nezolondolozo (maintenance) kwifom WCED 032 form. Lakufumana ifom WCED 032 ezaliswe ngokupheleleyo, iSebe iWCED, liya kuzitshekishisisa iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 forms ezihlaziyiweyo.

2.2 Izikolo ezingabizi zifizi (No-fee schools)
2.2.1 Yi-20% yaso sonke isabelo-mali sesikolo se-N&S, eya kuhlawulwa ezikolweni ngo-Apreli ukuya kuMeyi 2018 emayigcinelwe inkcitho yemihla ngemihla yokwenziwa komsebenzi enganxulumananga nabasebenzi. Izikolo ziya kwaziswa ngesi sixa-mali kwileta engesabelo-mali sazo se-N&S. Makukhunjulwe ukuba esi sixa-mali masisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2019, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo. Isabelo esiseleyo se-N&S sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2019 masahlula-hlulwe phambi kwe-28 Matshi 2018 ngokwamahlelo amane akwifom WCED 032 form, (Jonga umhlathi 2.1 no-3.1 ngokumalunga noku).
2.2.2 Ukongeza, iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 zolondolozo (for maintenance) neentlawulo zeenkonzo zikamasipala (kwezo zikolo zizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala), ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona (ngokwe-WCED 032 form) iya kuhlawulwa ngo-Apreli-Meyi 2018, ize i-50% eseleyo ihlawulwe ngo-Oktobha ukuya ku-Novemba 2018.

3. Ukusetyenziswa kwesabelo-mali
3.1 Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa eyona njongo iphambili nengeyokuqala, ukuthenga iLTSM, ukuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo zemihla ngemihla. (i-20% yeN&S kwimeko yezikolo ezingabizi zifizi). Ingeniso yesikolo esiyenze ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 6 apha ngezantsi, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamabhunga olawulo.

Kucetyiswa ngokuba ngo-2018/19, izikolo zimele ukusahlula-hlula isabelo sazo ngokwamahlelo ngamahlelo enkcitho (various expenditure categories) ngolu hlobo lulandelayo:

  • I-30% isetyenziselwa ii-odolo zeLTSM zika-2019 ekufuneka i-10% yayo isetyenziselwe ukuthenga izinto zokufunda zaselayibrari (ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngesifundo ngasinye). Istokhwe seencwadi nezibonelelo zaselayibrari mazandiswe (augmented) qho ngonyaka de inani elipheleleyo lee-ayithem (items) libonise owona mgangatho usezantsi wamazwe ngamazwe umiselweyo (minimum international standard) wee-ayithem ezili-10 ngomfundi ngamnye. Jonga kumhlathi 3.1.1 apha ngezantsi, izinto ezinokufakwa phantsi kweLTSM.)
  • I-20% esetyenziselwa ukuhlawula izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases).
  • I-25% isetyenziselwa iinkonzo zikamasipala. (Nakuba kunjalo izikolo zifanele ukwenza ibhajethi yepesenti enkulu kunoku ukuba iindlela zenkcitho zazo (expenditure trends) zenza ukuba oku kube yimfuneko;
  • I-25% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo;

Ukukhutshwa kwemali (shifting of funds) kwi-WCED 032 form kumele kugqitywe ungadlulanga owe-14 Septemba 2018.

3.1.1 Izibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa (LTSM)

  1. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (DBE) lizicacisa izibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa (LTSM) njengazo naziphi na izinto ezixhasa zize zenze kube lula ukufunda nokufundisa kanye ngqo eklasini okanye ekhaya (umsebenzi wesikolo wasekhaya). Zibandakanya oku kulandelayo:
    1. Iincwadi zezifundo (textbooks), iincwadi zokufunda (readers), iincwadi zokukhangela izinto-yinto (reference books), iincwadi ezimiselweyo (prescribed books), ii-atlasi (atlases) nezichazi-magama (dictionaries);
    2. Iincwadi zokwenza imisebenzi (workbooks);
    3. Iiphowusta, iimephu neetshathi zodonga;
    4. Imidlalo efundisa okuthile ii-Educational board games;
    5. Izinto zokufunda zaselayibrari (ezingamabali angeyonyaniso (fiction) nezingamabali asusela kwizinto zokwenene (non-fiction), iincwadi zokukhangela izinto-yinto, iividiyo esezirekhodiwe, iiDVD, ii-odiyokhasethi (audio cassettes), ii-CD, ii-CD-ROM, ii-multi-media njl. njl.);
    6. I-software yekhompyutha nokulayisenswa kwayo (Computer software and licensing);
    7. Izibonelelo ezisetyenziswa ngootitshala, ngabafundi, eziklasini naselayibrari.

  2. Ziyacelwa izikolo zisebenzise isabelo sazo esipheleleyo seLTSM ukuthenga iLTSM eya kwandisa ngamandla ize ixhase ukuphunyezwa kwe-Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) eziklasini zazo. Ngako oko ke ziyakhuthazwa izikolo ukuba zisebenzise isabelo sazo seLTSM ekuthengeni iincwadi zezifundo (textbooks) zokongezelela, iincwadi ezimiselwe ukufundwa (prescribed works), ii-atlasi (atlases) izichazi-magama (dictionaries); iincwadi zokwenza imisebenzi (workbooks); iiphowusta, iimephu neetshathi zodonga, iimidlalo efundisa okuthile (educational board games), izinto zokufunda zaselayibrari (ezingamabali angeyonyaniso (fiction) nezingamabali asusela kwizinto zokwenene (non-fiction), iincwadi zokukhangela izinto-yinto, iividiyo esezirekhodiwe, ii-DVD, ii-odiyokhasethi (audio cassettes), ii-CD, ii-CD-ROM ne-software yekhompyutha nezixhobo ze-Consumer Studies and Hospitality Studies and science laboratory.

  3. Phantsi kwale miqathango ilandelayo, izikolo zingabela i-LTSM imali encinane ukuba:
    1. ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi yesifundo kwisifundo ngasinye kwaye unako ukufikelela kwizibonelelo zeLTSM ezizezinye;
    2. isikolo besisoloko sisithi qho ngonyaka sabe i-10% yesabelo seLTSM ekuthengweni kweencwadi nezibonelelo zaselayibrari zokwandisa istokhwe saselayibrari yaye inani lilonke lee-ayithem zaselayibrari kwistokhwe saselayibrari ngoku zii-ayithem ezili-10 ekulelona nani lisezantsi limiselweyo ngokomgangatho wamazwe ngamazwe (minimum international standard of 10 items) ngomfundi ngamnye; yaye
    3. ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni malunga noku kutenxa kokumiselweyo. (Esi sigqibo sebhunga lolawulo ngokumalunga nebhajethi, nekufuneka ingeniswe kwintlanganiso yabazali, masicaciswe yaye makunikwe isixa-mali esichithwe kwizibonelelo zeLTSM, ngomfundi ngamnye. Esi sigqibo masandlalwe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi wesekethe uyasixhasa okanye akasixhasi.)

  4. Indlela yokufunyanwa kwe-LTSM:
    1. Izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwisiHlomelo A.
    2. Ngokungqinelana nemiyalelo ye-Ofisi kaNondyebo wePhondo, apho kungekho mvumelwano (contract) isebenzayo, iSebe iWCED liya kupapasha izicelo zeLTSM zazo zonke izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kwi-Integrated Procurement Solutions (IPS), nelawulwa yi-Ariba. Le sistim ivumela ukhuphiswano ngamaxabiso ngokungqinelana nemithetho ebhengezwe ngokwe-Preferential Procurement Policy Framework Act, 2000 (Act 5 of 2000).
    3. Izikolo mazikhethe zonke izibonelelo zeLTSM zokongezelela (top-up LTSM) kwiikhathalogu zikazwelonke ezivunyiweyo ezikweli ziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni: http://wcedonline.pgwc.gov/branchPS/LTSM/index.html
    4. ISebe iWCED lizazisa izikolo qho ngonyaka (ngesetyhula) ngamaxesha amisiweyo oku-odola iincwadi zezifundo zokongezelela zeCAPS kwi-CEMIS.
    5. Ukuba zifuna ukuncediswa ekukhetheni iincwadi nezibonelelo zaselayibrari, kufuneka izikolo ziqhagamshelane noMnu Timothy Cloete, uMququzeleli we-EDULIS weeNkonzo zeeLayibrari zeZikolo (School Library Services), kule nombolo yefoni 021 957 9626. Kunokuqhagamshelwana nomcebisi ngezelayibrari yesikolo wesithili (district school library adviser) kunye/okanye nomququzeleli weziko elinguvimba wolwazi (resource centre co-ordinator) ngokumalunga nokuphuculwa kweelayibrari zezikolo.
3.1.2 Iinkonzo zikamasipala

  1. Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ezibandakanya umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma (iintlawulo zokufumaneka nezosetyenziso), kodwa asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo kwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuyihlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama likaRhulumente wePhondo leNtshona Koloni (PGWC) okanye leRiphablikhi yoMzantsi Afrika kwiimeko ezithile.

  2. Izikolo ezimbalwa zivakalise ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zazo zeenkonzo zikamasipala yaye ezi akhawunti zazo ziya kuqhubeka zihlawulwa yi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo. I-ofisi yesithili semfundo iya kunika isikolo ngasinye iikopi zee-akhawunti zaso qho ngenyanga ngenjongo yokuba sizitshekishe kwaye singqine ukuba ii-akhawunti ezo zichanekile. Isixa-mali se-WCED 032 fom simele oko kuya kumelwa kukuhlawulwa liSebe iWCED yaye esi sixa-mali siya kusetyenziselwa ukuhlawulela iinkonzo zikamasipala. Izikolo ziya kumelwa kukuhlawulwa naziphi na iindleko zikamasipala ezenziweyo ngaphezu kweso sixa-mali sibhajethelwe oku kwi-WCED 032 form.

  3. Izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokwenkcitho yazo yangaphambili zidibanise nomyinge wokuhla kwamandla emali (plus inflation adjustments) kwimali eziyigcinele iinkonzo zikamasipala zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwezo zikolo zavumayo ukuwenza lo msebenzi. Apho singanelanga isabelo-mali se-N&S seenkonzo zikamasipala, izikolo zilindeleke ukuba ziyongeze zona ngokwazo imali yesabelo kwiingxowa zazo, apho oku kuyimfuneko.

  4. Phakathi kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.

  5. U-Eskom noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane wazo. Izikolo maziqhagamshelane no-Eskom okanye nomasipala wengingqi, ochaphazelekayo, ukuba zifuna ukuba kufakwe iimitha zombane ezihlawulwa phambi kokuba umbane usetyenziswe.

  6. Apho kuye kwaqatshelwa ukuba izikolo azizihlawuli ii-akhawunti zazo zikamasipala, iSebe iWCED linelungelo lokuyibamba lingayikhuphi imali eyabelwe ezo zikolo ngokwesabelo seN&S ukwenzela ukuhlawula ezo zixa-mali zee-akhawunti zeenkonzo zikamasipala zingahlawulwanga egameni lesikolo esichaphazelekayo.
3.1.3 Ulondolozo lwemihla ngemihla

  1. Ulondolozo lwemihla ngemihla luthetha ukulungiswa kwamabala, ukucocwa, ukuhlaziywa, nokulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo zesikolo. Malwenziwe qho ulondolozo lwemihla ngemihla, ukwenzela ukuthintela ukugxagxiseka kwezakhiwo zesikolo de zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu ngenxa yokungahoywa.

  2. Apho singanelanga isabelo-mali se-N&S solondolozo lwemihla ngemihla, izikolo zilindeleke ukuba ziyongeze zona ngokwazo imali yesabelo kwingeniso yaso, apho oku kuyimfuneko. Izikolo mazizenzele ngokwazo ibhajethi yolondolozo lwemihla ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo.

  3. Izikolo mazibekele bucala esinye isixa-mali kweso sebhajethi yonyaka ezabelwe yona sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi ezisetyenziswa ekuphuculeni amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukuthenga ipeyinti yezitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ikalika (lime) nesichumiso (fertiliser).

  4. Isabelo-mali se-N&S masingaze sisetyenziselwe ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yeefizi zabafundi yokuhlala ehostele nangeebhasari.
3.2 Izikolo mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, amabala nezixhobo zokusebenza njengesixa-mali esinye kwifom WCED 032.
3.3 Apho izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 zithi zigqithise kwisabelo sazo se-N&S, ngenxa yaso nasiphi na isizathu, iSebe iWCED liya kuyifumana nayiphi na inkcitho engaphezulu ngokuyixhuzula kwisabelo sesikolo se-N&S sonyaka-mali olandelayo. Oku makungajongwa njengokukhuthaza izikolo ukuba zigqithise kwizabelo-mali ze-N&S zazo.

4. Isabelo-mali seN&S ASINAKO ukusetyenziselwa oku kulandelayo:

  • Ukuhlawula abasebenzi abaqeshwe libhunga lolawulo
  • Izakhiwo ezitsha
  • Inkcitho kwiihostele
  • Iimali-mboleko ezinikwa abantu okanye amanye amaziko
  • Izithuthi
5. Ulungiso lomonakalo omkhulu ongxamisekileyo

Ngokomhlathi 97 weNNSSF, iSebe iWCED liyalwamkela uxanduva lolungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo, ngokuxhomekeka ekubeni ikho imali ebhajethelwe ukwenza olo lungiso lwezakhiwo. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A

Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo (structural problems) nemililo.

ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwe-R10 000 naxa kuphele ibhajethi yokulondolozwa kwazakhiwo nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo.

ISebe iWCED liya kuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka mali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukwenzela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.


6. Ingeniso eyenziwa sisikolo ngokwaso

Ngokwesiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, (uMthetho 84 ka-1996), amabhunga olawulo makathathe onke amanyathelo afanelekileyo okongezelela kwisabelo sikaRhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa sisikolo kubo bonke abafundi esikolweni. Nangona izikolo ezingabizi zifizi kunyanzelekile ukuba zingabizi zifizi (kubandakanywa neefizi zobhaliso), ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba ziqokelele iminikelo ekhutshwa ngokuzithandela (voluntary contributions (donations)) yaye zenze izinto zokunyusa ingxowa (fund-raising actvities).


7. Ukunika ingxelo
7.1 Ibhajethi evunyiweyo yesikolo mayingeniswe kwisithili semfundo esichaphazelekayo ungadlulanga owe-01 Disemba kunyaka ngamnye.
7.2 Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 form (ingxelo engeniswa kabini ngonyaka) kwisithili semfundo esichaphazelekayo zingekapheli iintsuku eziyi-30 ukususela ekupheleni kwekota (inkcitho eya kutsho kwi-30 Juni nakwi-31 Disemba). Ngaphezulu, isiqendu 43 (5) seSASA sifuna ukuba izikolo zingenise ikopi yeseti yeengxelo-mali zazo eziphicothiweyo zonyaka-mali ongaphambili (ukwenzela ukuba ziqwalaselwe ngumlawuli wesithili esichaphazelekayo), ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye.
7.3 Iimali ziya kuhlawulwa kwizikolo ukuba ngaba i-ofisi yesithili iyangqinisisa ukuba isikolo sinemali eyanelayo ngokusekelwe kwimisebenzi yezemali yeekota ezingaphambili. Ngaphezu koko, ukuba isikolo asingqinisiswanga njengesikolo esinemali eyaneleyo phambi okanye ekupheleni konyaka-mali, isikolo sinokuphulukana nesabelo-mali seN&S saso.

8. Eminye imiqathango
8.1 Ibhunga lolawulo malibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual: Basic Financial System for Schools eyakhutshwa yiNtloko yeSebe leMfundo ngokwesiqendu 38 (1) seSASA. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makatyumbe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
8.2 Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo-mali sikaRhulumente naleyo ivela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, njengoko kucacisiwe kwisiqendu 37(6) seSASA, kubandakanywa nokuthengwa kweLTSM. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe iWCED, makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 1978 (uMthetho 98 ka-1978) (Copyright Act, 1978 (Act 98 of 1978)).
8.3 ISebe iWCED linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi/utitshala wesikolo okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa gwenxa kwemali yesikolo. Ngako oko ke izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho ukulungiselela le njongo.

9. Isicelo sokufakwa kwesikolo phantsi kwesiqendu 21

Izicelo zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kwesiqendu 21 sibe phantsi kwesiqendu 21, mazingeniswe ngokuqala kugqithwe kwi-ofisi yesithili ukuya kwaNdlunkulu phambi okanye ngowe-23 Februwari 2018 ngale fom iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo C). Izikolo eziphumeleleyo ziya kufakwa phantsi kwe siqendu 21 ukususela kunyaka-mali olandelayo kuphela, o.k.t. ukususela kowe-01 Apreli 2018.

Izicelo ezifike emva kwexesha ziya kwenza ukuba isikolo sifakwe phantsi kwesiqendu 21 ukususela ku-Apreli 2019.


10. Ileta yolwabiwo-mali lwango-2017/18

Imali eyabelwe izikolo ngokweSetyhula 0042/2016 mayisetyenziswe iphele zizikolo phambi kowe-31 Matshi 2018.


11. Nazi iinombolo zoqhagamshelwano zokubuza imibuzo

Isihloko Igama Inombolo yefoni
Iifom WCED 043 zeengxelo ezingeniswa kabini ngonyaka neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyo USekela-Mlawuli we-Ofisi yeSithili - weeNkonzo zezoLawulo lweZiko Yeye-ofisi yesithili semfundo esichaphazelekayo
Ukungeniswa kwefom WCED 032 (ukuhlelwa kolwabiwo-mali lweN&S) nemibuzo emalunga noku-odola iincwadi zezifundo (CAPS) kwikhompyutha Nks P Phillips 021 467 2326
Ukuthengwa kwe-LTSM (WCED 034 form) nokuthengwa kwezinto kuloo ndawo inesikolo (WCED 026 form). ngokungena kwiCEMIS nemibuzo emalunga noku-odola iincwadi zezifundo (CAPS) kwikhompyutha Mnu B le Keur
Mnu B Stoffels
021 467 2094
021 467 2345
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (Izabelo-mali ze-N&S)) Nks M Paulsen 021 467 2271
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyo Mnu N Sutcliffe 021 467 2568
I-e-Learning
UMququzeleli we-EDULIS weeNkonzo zeeLayibrari zeZikolo
Mnu C Walker
Mnu T Cloete
021 467 2351
021 957 9626
Imibuzo ngokubanzi: IMimiselo neMigangatho (kungabandakanywanga iintlawulo ezenziwa ngekhompyutha) Mnu L Sangqu
Nks A Bakubaku
Mnu L van Wyk
Fax no.
021 467 2608
021 467 2041
021 467 2658
086 731 8900


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:15

"South African Schools Act (SASA),1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
"Government Gazette 29179"  (ubukhulu: 891 KB)
isiHlomelo A: "Procedures for the acquisiton of goods and services"  (ubukhulu: 77 KB)
isiHlomelo B: "Saving measures in respect of municipal services"  (ubukhulu: 24 KB)
isiHlomelo C: "Application for Section 21 Status"  (ubukhulu: 17 KB)

WCED Forms:
"Form WCED 026: Requisition for stores and other requirements"  (ubukhulu: 53 KB)
"Form WCED 032: Allocation for local purchases, municipal services and maintenance"  (ubukhulu: 58 KB)
"Form WCED 034: Rrequisition for learning and teaching support material (LTSM) & library material"  (ubukhulu: 106 KB)

The following form is in Excel® format.
To save it for later use, click on the "zipped" link below and follow the intructions.
If you have Excel® installed on this computer, click on the "XLS" link below (the form will open in a separate window: to return to this circular, close that window)


"Form WCED 043: Quarterly Report"  ("zipped" version, ubukhulu: 33 KB)
"Form WCED 043: Quarterly Report"  ("XLS" version, ubukhulu: 57 KB)